IMoroka Swallows ayikakuncami ukubuyela kwiPSL

IMoroka Swallows ikwinzame zokuphinda ibuyele kwakhona kwi-Premier Soccer League kungekudala njengokuba abantu becingela. Ngoku iSwallows, nelelona qela lidlala kwibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika, kulindeleke ukuba idlale kwiABC Motsepe League, emva kokuwa phantsi rhoqo kwiinzame zokukhusela indawo yayo kumgangatho woompondo zihlanjiwe.

Ukubuyela kwiPSL kwakhona, izakuba ngumsebenzi omkhulu noza kuyenza ukuba inyuke iqhina ngamandla iSwallows.

Kufuneka iqale ngokuphumelela iMotsepe League, emva koko iyokudlala imidlalo yokulwela ukuya kwiNFD(Playoffs), nakwiNFD kufuneka iphumelele ukuze inyuselwe ibuyele kwiPSL.

Yonke le nto izakuthatha iminyaka emibini ukuya kwemithathu ukuze yenzeke,. kwaye iSwallows izokuhamba emhlabeni owehlayo, izakube ikhuphisana namanye amaqela nawo afuna ukwenyuka adlale ngasentla.

Amarhe avakalayo ngawokuba iSwallows ingabuya ngokukhawuleza, ngokuthi ithenge iqela elidlala kwiPSL. Ingakumbi njengokuba zilungisiwe iingxaki zemali zeli qela.