IMoroka Swallows isaqhubela phambili nokudiliza abadlali

Njengokuba amaqela adlala kwiPremier Soccer League ethenge abadlali kwinyoba yokuthengwa kwabo kwinyanga yokuqala kulo nyaka mtsha – yona iMoroka Swallows iqhubela phambili nokudiliza abadlali. Ezivakele ngoLwesibini wale veki zithi iSwallows igxothe abanye abadlali abaquka uGabadinho Mhango, Andile Jali noKeegan Allan.

Abadlali abagxothwe kule veki balandela ukugxothwa kwamashumi amabini anesibini ekuqaleni konyaka. Abaphathi beSwallows bagqiba kwelokuba baseke inkqubo yoluleko emva kokuba abadlali bangena kugwayimbo abayidlala imidlalo emibini yonke. Ingxelo ithi abadlali babhenela kwelokuba bagwayimbe ngenxa yeSwallows engazange ikwazi ukubabhatala imivuzo yabo iinyanga ezimbini.

Emva kweso sehlo, iSwallows yamangalelwa yikomiti yoluleko yePSL. Yalivuma ityala iSwallows yatsho yagwetywa umdliwo wesigidi seerandi (R1-million) kwakhe nemali exhonyiwe ngaphezulu eyiR600 000. UMike Makaab, omele uJali noKeegan, ungqinile ukuba abadlali bakhe baphakathi kwabadlali abanikwe uphumaphele yiSwallows.

“Ewe, uAndile uphakathi kwabadlali abagxothiweyo yiSwallows – kodwa sisaxoxa nayo. Ndibazisile ukuba uJali wayonzakele ngethuba lemidlalo yomibini engazange idlalwe. Yinyaniso leyo futhi wayengakwazi nokuziqeqesha ngoko,” utshilo uMakaab wePro Sport Management ethetha kunomathotholo.

Njengokuba isizini yeDStv Premiership isavaliwe okwethutyana ngenxa yeAfrica Cup of Nations – kodwa iSwallows inexesha elifutshane kakhulu lokwakha iqela eliluqilima kwakhona. Akukacaci nokuba iza kwenza njani njengokuba iAfcon isongwa kwiveki ezayo.

Iindaba ezivakeleyo zithi uKeegan sele eyifumene indawo yokudlala kwiSuperSport United phantsi kukaGavin Hunt. Akukacaci kakuhle ukuba yena uMhango, odume ngokuzilawula ngamanye amaxesha, ukuba uza kweliphi iqela. Yena uGregory Damons uye watyikitywa yiSwallows kwakhona. Ukuba uSteve Komphela uza kwenza njani xa kuqala imidlalo, akukacaci kakuhle.