iMoroka Swallows ithiwe nka ngesigwebo esiqatha yiPSL

Ikomiti yePremier Soccer League yoluleko ithe nka iMoroka Swallows ngesigwebo esiqatha izolo emva kokuba ivume onke amatyala ewabekiweyo. Umtshutshisi wePSL, uMnu. Zola Majavu, wayimangalela iSwallows ekupheleni konyaka ka2023 emva kokuba iSwallows ingazange ikwazi ukungena emabaleni idlale neMamelodi Sundowns neGolden Arrows ngokulandelelana. Kwiveki ephelileyo, uMajavu uyithawuzise emapulangeni iSwallows ebeke iPSL ehlazweni.

Umtshutshisi uthe iSwallows iwavume onke amatyala ebekwe wona. Iingxaki zeSwallows zemali ziye zanyanzela abadlali ukuba baqale ugwayimbo kunyaka ophelileyo. Iingxelo zithi abadlali zange bafune ukudlala kuyo yomibini imidlalo ngoba bakweletwa imali yiSwallows. Abaphathi beSwallows bavuma esidlangalaleni ukuba banazo iingxaki batsho betyhola iPSL ngokwenza kube nzima ukufumana abaxhasi.

Ewisa isigwebo emalanga izolo, uMajavu uthe iSwallows idliwe imali esisigidi serandi (R1-million). Kuloo mali, amakhulu amathandathu amawaka erandi (R600 000) aye axhonywa. Kwathiwa iSwallows mayibhatale imali engamakhulu amane amawaka erandi (R400 000). Isigwebo esixhonyiweyo siza kothulwa ukuba iSwallows yenze isenzo esifanayo nesi kwisithuba esingaphantsi kweminyaka emibini.

Ngaphezulu, uMajavu uthe iSundowns iza kufumana amanqaku namagowuli amathathu kube njalo nakwiGolden Arrows. Kwathiwa iSwallows mayibhatale iindleko zokuchophela ityala layo. Uvumile uMajavu ukuba iSwallows ibingagxothwa – kodwa ukuvuma kwayo amatyala ebekwe wonke kuye kwayithethelela. “Siye sakwamkela ukuzibophelela kweSwallows ekuqinisekiseni ukuba isenzo esinje asenzeki kwakhona ngoba singayingcolisa iPSL. Izinto zihambe kanjalo,” uvale ngaloo mazwi uMajavu.