Ifumene amanqaku apheleleyo i’Orlando Pirates emva kokuba ibethe iKaizer Chiefs ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway premiership obubanjelwe eFNB Stadium emalanga namhlanje. Abalandeli beChiefs bagoduke bephoxekile emva kokubethwa ngempazamo eyenziwe nguNjabulo Blom emzuzwini wokugqibela kwisigaba sesibini somdlalo.
Isiqingatha sokuqala besitaka iintalantsi. omabini amaqela ebezimisele futhi esebenzela ukufaka igowuli kuqala. Amakhosi bekufanele ukuba akhokele emzuzwini wesithathu – kodwa akubanga njalo ngoba uPule Mmodi woyiswe kukukhabela ezipalini ibhola erhiwulwe nguSipho Chaine endaweni eyingozi.
Khange kube kudala, ihlasele nayo iPirates ngoRelebohile Mofokeng ophose ithuba elihle ephambi kukaBruce Bvuma. Emva koko uTshegofatso uphose amathuba amabini ebekufanele ukuba ayibeke endaweni entle iPirates. Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungento ebhodini nakubeni ebekhona amathuba macala emdlalweni.
Asukelene amaqela kwakhona kwisigaba sesibini ekhangela igowuli. UMabasa uphinde wayeka igowuli esendaweni entle kakhulu. Amakhosi afake uThabo Cele noLilepo Glody kwisigaba sokuqala ngelizama ukubeka uxinizelelo kwiPirates emva. Omabini amaqela alwile ngamandla kwisigaba sesibini somdlalo – kodwa yiPirates efumene igowuli ngepenela.
UMofokeng ufumene imoto ngenxa yokugqwesa kwakhe ebholeni