Impumelelo yeMaritzburg iqinisa ithemba layo lokuhlala kwiPremier Soccer League

Nhlanhla Mgaga of Tshakhuma Tsha Madzivhandila and Siphesihle Ndlovu of Maritzburg United during the National First Division Playoffs 2018/19 match between Tshakhuma Tsha Madzivhandila and Maritzburg United on the 22 of May 2019 at Thohoyandou Stadium, Limpopo Pic Kabelo Leputu/ BackpagePix

Umqeqeshi weMaritzburg
United, uEric Tinkler, ebencume olukabhulankethe namhlanje emva kokuba iqela
lakhe lizuze amanqaku amathathu abalulekileyo. ITeam of Choice ibethe iTshakhuma
Tsha Madzivhandila ngamagowuli amabini eqandeni (2-0) emdlalweni obubanjelwe
eThohoyandou Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Emva kokuphela kwesiqingatha
sokuqala somdlalo kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini – uJudas Moseamedi
noBongokuhle Hlongwane bazibonakalisile ngokufaka amagowuli amabini kwisigaba
sesibini. Impumelelo yanamhlanje iqinise ngakumbi ithemba leMaritzburg lokuhlala
kwiPremier Soccer League ngoba ngoku inamanqaku amathandathu emva kokubetha
iRoyal Eagles neTshakhuma Tsha kwimidlalo yokuzibekela indawo kwiPSL.

Nangona iqela
likaTinkler liqhube kakuhle kwisiqingatha sokuqala somdlalo – kodwa abadlali
abakwazanga ukuwasebenzisa kakuhle amathuba ebaleni. UMohau Mokate noSiphesihle
Ndlovu bazamile ukubhakuzelisa umnatha – kodwa iinzame zabo ziwe phantsi. Akukho
nto engako enokubaliswa ngeTshakhuma ngaphandle kwempazamo eyenziwe ngunozinti,
uRichard Ofori, emva kokubhutyuza ibhola ayinikelwe nguSiyanda Xulu endaweni
embi. Kwisigaba sesibini, iTshakhuma Tsha izamile ukudlala umdlalo odibeneyo –
ingxaki engakwazanga ukuyoyisa kukomelela kweMaritzburg emva. Ukubethwa kweqela
laseLimpopo emidlalweni emibini kuthetha ukuthi ayisenalo ncam ithemba
lokudlala kwi-Absa Premier Soccer League kwisizini ezayo. Iqela
laseMgungundlovu liza kuqubisana neRoyal Eagles kwakhona emdlalweni
obalulekileyo ngoLwesithathu emalanga kwiveki ezayo.