Impumelelo yoMzantsi Afrika kwiqakamba isetyenzelwe, utsho uDean Elgar

Abadlali boMzantsi Afrika bevuyela ukubetha iBangladesh ekuqaleni kwale veki eGqeberha. Umfanekiso: Deryck Foster/BackpagePix

UKapteni weqela lesizwe loMzantsi Afrika leqakamba, uDean Elgar, uwuqhwabele izandla umsebenzi owenziwe liqela lakhe eGqeberha ekuqaleni kwale veki. Oku kwenzeka emva kokuba uMzantsi Afrika ubhaxabule iBangladesh ngamakhulu amathathu anesithathu nambini emitsi (332). Impumelelo yeProteas ithethe ukuthi iyiphumelele yomibini imidlalo yovavanyo kungaphelanga neentsuku ezontlanu. Ukuqhuba kakuhle kweqela likaMark Boucher kulandela enye impumelelo eliyizuze ngethuba libetha amaNdiya ngemidlalo emibini komnye. “Akukho mntu obecinga ukuba singakwindawo esikuyo ekuqaleni kwesizini. Kuhle ukubona inkqubela enje ngale” utshilo uElgar emva komdlalo eGqeberha, kwiphondo leMpuma Koloni.

UKapteni uyigxininisile into ethi mkhulu umsebenzi owenziweyo liqela ukuze ube kwindawo okuyo ngoku. “Impumelelo esiyizuzileyo ayenzekanga ngempazamo, isetyenzelwe liqela lonke,” utshilo uElgar. “Siqhube kakuhle kakhulu ehlotyeni, hayi emidlalweni yovavanyo kuphela. Ndingatsho ndithi sisekhondweni elihle kwaye sinesiseko esihle esinokwakha phezu kwaso. Kuyandichulumancisa kakhulu okwenziwe liqela emidlalweni yovavanyo kwaye nabadlali abatsha bakwazile nokufumana amathuba okudlala,” utshilo uElgar ovimileyo ukuba yena noTemba Bavuma kuye kwanyanzeleka ukuba baqhokre imitsi ebonakalayo ukuze iqela liphumelele eKingsmead Stadium.

Nakubeni izinto ziyihambele kakuhle iProteas emidlalweni yayo – kodwa indlela abaqhokre ngayo abadlali abaqhokrayo isakhwinisa. Kwelinye icala umqeqeshi akakwazi ukuzivuyela ncam iziphumo ezihle zeqela lakhe ngenxa yezityholo zobuhlanga awazityatyekwa kwikomishini ebikhokelwe nguMnu. Dumisa Ntsebeza ekupheleni konyaka odlulileyo. “Ndiyazama ukomelela – kodwa endikufunayo ngoku kukuba sizivavanye namqela angoompondozihlanjiwe,” utshilo uBoucher. UMzantsi Afrika uza kutyelela iNgilane neAustralia kungekudala emva kokubua uzuze indawo yesibini kumanqwanqwa eqakamba yehlabathi.