IMthatha

Bucks

igxothe

umqeqeshi

IMthatha Bucks esando kunyuselwa kwiNationa First Division League emva kwemidlalo ebiseKimberley kwiveki ephelileyo, ikhangela umqeqeshi omtsha emva kokuba ikhulule uJulies Dube nobexhuluzula imikhala kuyo.

UDube ukhululwe emva kokuba ebuye nodumo eKimberley kwiveki ephelileyo iphuma phambili kumamaqela ebephume kumaphondo onke ebedlalela ukonyuselwa ukuya kwiNFD League.

Lo mqeqeshi udlale indima encomekayo kulo midlalo njengoko ephethe imidlalo kaGroup B ehleli phezulu kuluhlu lwamaqela ebethelekiswe nawo. Kodwa emva kwalo msebenzi walo mqeqeshi wokusuka noMthatha Bucks kwi-ABC Motsepe League kwisizini ephelileyo, ukhululwe kunjalo ukuba ayozikhangelela umsebenzi kwamanye amaqela.

Kungokunje iBucs iphantsi phezulu ikhangela umqeqeshi omtsha kwaye indaba ezivakalayo zithi lowo wayeqeqesha iBay United, iBlackburn, neChippa United yabaminyaka ili-19 ze wanyukela nakwabadala kuyo xeshikweni kuza kuphethwa isizini ye-ABSA Premier Soccer League kunyaka ophelileyo, uEddy Velile Dyaloyi, nguye oza kungena kwizihlangu zikaDube.

Ukungqina ezi ndaba ziphanzile iinzame zethu zokuncokola noMphathi weBucs, uLunga Tukute, ngelithi ubambeke kwindibano de iphepha ndaba lashicilela

Kwisithuba seeveki ezintathu ezilandelayo kulindeleke ukuba kuvulwe isizini yeNFD League nekulindeleke ukuba ibe ngumqantsa kwiBucs, nanjengokuba kufuneka ifumene umqeqeshi ngokhawuleza.

Umdlalo wayo wokuvula kulindeleke ukuba isingathe iVasco Da Gama eMthatha ebutsheni benyanga ezayo.