IMultiChoice Diski Shield iza nempucuko ebholeni

IMultiChoice ibambisele nePremier Soccer League zisungule iMultiChoice Diski Shield entsha. Umfanekiso: BackpagePix

Kwiminyaka embalwa
eyadlulayo, iPremier Soccer League ibambisene neqabane layo elikhulu
iMultiChoice zasungula iMultiChoice Diski Challenge. Injongo ephambili
yayikukuza neqonga elitsha elinokuthi lincede abadlali abatsha ukuze bafume
indawo enokubalungiselela ukudlala kwiPSL. Iziphumo kule minyaka idlulileyo
ziyancumisa kwaye ngabadlali abaninzi abanyuselwe ngamaqela ohlukeneyo kwiPSL
futhi ngoku abadlalela namaqela esizwe. Kodwa kuthe ngokuhamba kwexesha
kwabonakala okokuba makwenziwe iinguqu ukuze kubandakanywe onke amaqela futhi
kwandiswe nemidlalo. Yiyo lo nto kusungulwe iMultiChoice Diski Shield ekuqaleni
kwale veki. Iza kubandakanya onke amaqela futhi ibe nemidlalo emininzi kune
MultiChoice Diski Challenge.

Ngethuba kusungulwa
le Diski Shield engena endaweni yeMultiChoice Challenge, usihlalo wePSL,
ugqirha Irvin Khoza, uthe abadlali abasakhulayo eMzantsi Afrika bachitha ixesha
elifutshane ebaleni xa kuthelekiswa namanye amazwe. “Njengokuba siqala iDiski
Shield, sibonile ukuba abadlali bethu abatsha kunezinto abasilela kuzo xa
sithelekisa namazwe aphuhlileyo. Ngokusungula le nkqubo sizama ukuncedisana
nabo,” utshilo uKhoza.

Ingqonyela yeMultiChoice
SA ithethe yenjenje: “Intsebenziswayo yethu nePSL ikhule kakhulu kule minyaka
elishumi edlulileyo. Sikwazile ukwenza indima ebonakalayo kuphuhliso lwebhola
ekhatywayo eMzantsi Afrika. Ikhule kakhulu iDiski Challenge kule minyaka mine
idlulileyo kwaye sicinga ukuba iDiski Shield iza kuncedisa ekuphuhlisweni
kwabadlali abakhulayo ibalungiselele nokudlala kumaqela akwiPSL.”

Iqela eliphumelele
iDiski Shiled lizakuthi lifumane imali eyiR150 000. UKhoza umeme bonke
ababedlala ibhola ngaphambili ukuba basondele kwiDiski Shield ukuze bakwazi
ukuncedisa kuphuhliso. Amaqela ohlulwe ngokweendawo akuzo. Aselunxwemeni abekwe
ndawonye kanti nakulawo asembindini welizwe kunjalo.

Central: Orlando Pirates, Kaizer
Chiefs, Platinum Stars and Bidvest Wits. 


Coastal East: AmaZulu, Golden Arrows, Maritzburg United and Chippa
United. 
Coastal West: Cape Town City, Ajax Cape Town, Bloemfontein
Celtic and Free State Stars 
Northern: Mamelodi Sundowns, SuperSport United, Polokwane City
and Baroka FC.