IMuskerteers ziintshatsheli zeZwelonke Tournament!

Indebe yeZwelonke Youth Tournament ebi banjelwe eDutywa kwiveki ephelileyo ihambe neqela lakuCentane. Umfanekiso: Anele Raziya

Iqela lebhola ekhatywayo elibizwa ngokuba yiMuskerteers FC ligoduke neshumi lamawaka eerandi emva kwetumente ebibanjelwe eDutywa.

Eli qela lakuCentane ligqugqise kwanto ephambi kwalo kwiZwelonke Youth Tournament ebanjwa kanye ngonyaka egameni likaKumkani wamaXhosa.

Aliqela amaqela ebhola ekhatywayo athe ayinxalenye yale tumente etsale umdla wamaqela asuka kwiidolophu eziliqela ezingqonge iDutywa.

Kunyaka ophelileyo, iZwelonke Youth Tournament yaphunyelelwa yiCentane United eyagoduka neshumi lamawaka eerandi (R10 000) nendebe. Kweli ityeli, loo mali, ikhatshwa yindebe, ihambe neMuskerteers FC yakuCentane.

Kumaqela alishumi elinesithandathu ebekhuphisana, iMuskerteers FC neBillie Academy yaseXhorha zikwazile ukufikelela kumdlalo wokugqibela. Phambi komdlalo wamanqam, iMuskerteers FC izibethele Idutywa All Stars ngo’3-2, yona iBillie Academy idlale ntanganye neCentane United ngo’1-1 ze yaphumelela ngo’4-3 kumapenela.

Umdlalo wamanqam obubukelwe nguKumkani uSigcawu, uManejala waseMathole, uMarinda Sinqoto, amalungu ebephuma kwiSebe lezeMidlalo, iNkonzo yesiPolisa, elezeMpilo kunye nabahlali, iMuskerteers FC iphumelele ngo’3-0 ibetha Academy.

Isiqingatha sokuqala siphele iqela lakuCentane likhokela phambili ngo’1-0. Kwisiqingatha sesibini iAcademy ivale amanzi engena endlini;

iMuskerteers FC ifuna ukugalela imvula yamagowuli.

Kwimizuzu elishumi elinesihlanu yokugqibela iMuskerteers ifake amagowuli amabini emva koko yagoduka neshumi lamawaka eerandi.

Ngokubethwa kwayo kumdlalo wamagqibela kankqoyi, iAcademy igoduke nemali eyiR2 400 nezikipa zokudlala ibhola.

Kwimidlalo yebhola yomnyazi, iKing Sabatha Dalindyebo ibethe iKei Legends ngo’15-8 kumdlalo wamanqam. Igoduke nemali eyiR5000 iKSD, yona iLegends igoduke nezikipa zokudlala.