Likhona ithemba kubalandeli beZinyoni zaseDube lokuba iqela labo lakuze libuyele kwindawo yalo kwibhola yelizwe loMzantsi Afrika.
Umnumzana uPanyaza Lesufi ubhengeze iindaba ezithi iMoroka Swallows ngoku isezandleni zengqokelela yoosomashishini balapha eMzantsi Afrika kwincoko ebenayo nesikhululo sikaNomathotholo saseGoli ekuqaleni kwale veki.
Ngokokutsho kukaLesufi, aba somashishini banezabelo ezifikelela kumashumi alithoba anesibini (92%) lo gama kukho nabanye abambalwa abanezabelo eziphaya kwisibhozo. Iswayi-swayi yayithengwe kwiminyaka engaphaya kweshumi yindoda yaseJamani.
Inkampani ebiphantsi kwayo lonke eli xesha ibiyiFB Soccer Investment Ltd, usihlalo weSwallows inguLeon Prince. Bekusokolo kukho ukugxeleshana ngezikhondo zamehlo phakathi kukaPrince namadoda anezabelo ezincinci kweli qela.
Eyona nto ebekhala ngayo ibisisimbo sakhe ebelawula ngaso iSwallows esithe sakhokelela ekuthotyiselweni kwayo. Ukutyalwa kwemali ngabantu bangaphandle kweli lizwe loMzantsi Afrika kwakubangelwe kukudinga kwayo abaxhasi ngezimali futhi isecicini lokuthotyelwa kumgangatho ongezantsi kowePremier Soccer League.
Ekupheleni kwesizini ka’2014/15, iSwallows iye ayakwazi ukusinda ezembeni lePSL. Kwisizini elandelayo ka’2015/16, iSwallows yehliselwe kwi-ABC Motsepe League emva kokoyisakala kwiNational First Division.
Ekuqaleni kwalo nyaka, uMnu. Lesufi, wathi kukhona iinzame, yena nabanye abantu angafuniyo ukubachaza, abazenzayo ukuze iSwallows ibuyele kwiPSL. Ezo nzame ziquka ukuthengwa kweqela elidlala kwiPSL.
Zisaqhubela phambili ke nangoku ezo nzame xa esitsho. IChippa United yalapha eMpuma Koloni lelinye lamaqela aba- befuna ukulithenga, kodwa abaphathi bayo [Chippa] bazikhaba ezo ngxelo njengento engekhoyo.
Ukuba iinzame zabo ziyaphumelela, iSwallows, ingabuyela kwiPSL kwisizini ezayo okanye kunyaka ozayo.
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo