Indebe yeNozulu Youth Legacy ishiyeke eGcuwa kwakhona!

iYoung Stars ziintshatsheli zeNozulu Youth Legacy Cup.

Umqeqeshi weYoung Stars United, uNceba Maduntswana, uvakalise uchulumanco olukhulu emva kokuba iqela lakhe liphumelele indebe okokuqala eGcuwa. OkaMaduntswana ukuthethe oku emva kokuba iYoung Stars ibethe iCentre of Excellence ngo’3-0 emdlalweni wokugqibela weNozulu Youth Legacy Cup obuseWalter Sisulu University, eGcuwa, ngempelaveki egqithileyo.

Nangona ikunyaka wayo wesibini iNozulu Legacy Cup – kodwa umgangatho wayo uphezulu ngendlela encomekayo. Le tumente lusana lukaLuxolo Matikinca owathatha isigqibo sokuphuhlisa abantwana abasakhulayo abadlala ibhola ekhatywayo. Okuhle ngento ayenzayo uMatikinca kukuba ibhola uyihambisa kunye nemfundo.

Amanye amaqela athe athatha inxaxheba kulo nyaka aquka iFC Tshabalala (ebethiweyo kulo nyaka), iLamasia, iMnquma Hotspurs, iBush Bucks, iRafa Bees, Ambitious FC neFuture United. Emva kokudlala imidlalo yayo ngendlela encomekayo, iYoung Stars ibe ziintshatsheli zalo nyaka.

UMaduntswana uthe iqela lakhe likwazile ukufumana indebe ngoba lilungise iimpazamo elazenza kunyaka ophelileyo. Nakubeni iFC Tshabalala yaphumelela isiqendu sokuqala – kodwa uMaduntswana uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba kwakufanele ukuba kuphumelele iYoung Stars yakhe.

“Ndivuyela ukuba ingemkanga indebe. Kunyaka ophelileyo sakhutshwa liqela laseMonti emdlalweni ephambi kowokugqibela. Kulo unyaka besilungisa iimpazamo,” utshilo umqeqeshi emva komdlalo ngeCawe epheluleyo.

“Abadlali bethu baye badinwa kunyaka ophelileyo ngoba babembalwa. Siye sabaphumza kulo nyaka emdlalweni obungabalulekanga. Endingathi sikwenze kakuhle kukuba sixelele abadlali bethu ukuba mabangoyiki futhi bangalwi namntu ebaleni.

“Sincedwe kakhulu liqela lebhola ekhatywayo laseWalter Sisulu University eliqinise kakhulu amalungiselelo wethu,” utshilo uMaduntswana obechulumancile. Onke amaqela afumene izikipha zokudlala. Amane aphambili efumene nezinye izinto eziluncedo kwiindawo zawo xa eziqeqesha. Iintshatsheli zifumene ishumi lamawaka erandi (R10.000).