Indoda ebulele imbethimanqindi ibhubhele esibhedlele saseMonti

Indoda ebulele imbethimanqindi yaseMpuma Koloni
ibhubhele esibhedlela saseMonti, itshilo ingxelo ekhutshwe ngamapolisa
namhlanje. ULeighandre “Baby Lee” Jegels, 25, wadutyulwa yindoda ekuthiwa
wayencuma nayo emva kwemini ngoLwesihlanu eMonti. Umrhalelwa wabanjwa
ngamapolisa endleleni eya eNgqushwa emva kokugaxeleka engozini eyasuba
imiphefumlo yabantu ababini. Umrhanelwa woyisakele emva kokonzakala kulo ngozi. Umama kaBaby Lee ugcuma ziintlungu esibhedlele emva kokudutyulwa
ngumfi. Abalandeli bamanqindi bashiyeke bekhwankqisekile emva kokubulawa
kwembethimanqindi elinenekazi yaseMpuma Koloni – egama linguLeighandre “Baby
Lee” Jegels. Iingxelo zamajelo endaba zithi uBaby Lee, 25, ubhubhe emva
kokudutyulwa ngumntu ekurhanelwa ukuba yindoda elipolisa abethandana nayo.
Isiganeko senzeke izolo (Lwesihlanu) emva kwemini endleleni eya eMonti.

Abasemfuthweni wolwazi bathi umrhanelwa udubule
nonina kaBaby Lee, uNksz. Rita Jegels, izihlandlo eziliqela ogcuma ziintlungu
esibhedlele saseMonti. Isiganeko sokubulawa ngolunya kukaLee sothuse abantu
abaninzi macala onke elizwe abathe badlulise amazwi ovelwano wabo kumakhasi
onxibelelwano afana noTwitter noFacebook. Ingxelo ekhutshwe ngumbutho olawula
amanqindi, uBoxing SA, ithi uBaby Lee nomama wakhe bebesuka ekhayeni labo
besiya eMdantsane – apho [uBaby Lee] azilolonga khona. Konke oku kwenzeka kukho
umlo obucwangciselwe uBaby Lee ngomhla wesithandathu kwinyanga engaphaya
kwezayo kulo nyaka (2019).

UBaby
Lee waqala ukubetha amanqindi kwinqanaba eliphezulu ngo-2014. Uye
wayintshatsheli yeSA Junior Bantamweight emva koko wayeyeWBA Pan African Junior
Bantamweight. Usihlalo weBoxing SA, uMnu. Malefetsane Peter Ngalane, uvakalise
ukothuka nokunxungupha kwakhe sisehlo esimasikizi ekubulewe kuso
imbethimanqindi ebinekamva elithembisayo kakhulu emanqindini waseMpuma Koloni.
“Icandelo lomdlalo wamanqindi likhathazekile ngenxa yokusweleka kukaBaby Lee.
Eyona nto enxunguphalisa ngakumbi yindlela abhubhe ngayo kanye ekupheleni
kwenyanga ekuhewulwa ngayo ukuphathwa kakubi koomama. Egameni labantu bonke
emanqindini, sithi akuhlanga lungehlanga,” itshilo ingxelo ekutshwe yiBoxing SA
namhlanje ekuseni. Iingxelo ezivakele ekuseni nje zithi umrhanelwa unqakulwe
waphoswa ngaphaya kwezitshixo ngamapolisa emva kokumbamba endleleni
yaseNgqushwa.