Indodana yaseNgqushwa iza kumela ilizwe!

Ndyebo Lamani

Indodana yaseNgqushwa, uNdyebo Lamani, yathatha isigqibo ngenye imini esatshintsha ubomi bayo ngokupheleleyo.

ULamani ungumntu ongaboniyo kakuhle kodwa ngoku ungumdlali ophambili weJudo, hayi eMzantsi Afrika kuphela, nakwihlabathi jikelele. Waqala ukubonisa umdla kwijudo ngo2010 esikolweni sabantu abangaboniyo esiseBhayi, iKhanyisa for the Blind.

Ikhondo elakhethwa nguLamani laye laphuhla kakhulu phantsi kwesandla somqeqeshi wakhe uMnu. Sondisa Magajana – oqinisekisayo okokuba umdlalo wakhe uyakhula futhi uhlala ekulungele ukuqubisana nezinye iintshatsheli zehlabathi.

Le ndedeba yaseNgqushwa sele ilijikeleze lonke ihlabathi. Idlalile kumazwe aseYurophu afana neTurkey nePoland apho izenzele khona igama njengomdlali wejudo ophambili. Ngoku uLamani ubila esoma enkampini eseBhayi apho alungiselela khona ukuya kwimidlalo yeOlimpiki.

Kaloku uLamani ngomnye wabadlali abane abaza kumela uMzantsi Afrika kwimidlalo yeOlimpiki eza kubanjelwa eTokyo ekupheleni kwalo nyaka.

I’solezwe lesiXhosa lincokole nomqeqeshi wakhe othe amalungiselelo ahamba kakuhle kakhulu.

“UNdyebo ngomnye wabadlali abane kuphela abaza kumela ilizwe kwiOlimpiki. Silungiselela lo nto ngoku kodwa eyona nto iphambili kuye ngoku kukulungiselela itumente eseJamani kwezi nyanga zizayo. Kulapho kufuneka aqokelele khona amanqaku athile afunwa yiSasco nombutho olawula ijudo. Xa ephuma eJamani uza kuya eJapan apho aza kufumana uqeqesho olukhethekileyo phambi kokuya kwimidlalo yeOlimpiki. Ukhuthazekile kakhulu uNdyebo kwaye uzimisele ukuyibamba ngeempondo inkunzi yenkomo. Khange aye kwiiholide zokuphela konyaka; oko ezilolonga ngoba ungumntu ozimisele ukwenza ezibukwayo eTokyo,” utshilo uMagajana.

Kwihlabathi lonke, uNdyebo uphakathi kwabadlali abalishumi abaphambili. Kanti apha kwizwekazi leAfrika ukwindawo yesibini.

Kwiminyaka embalwa egqithileyo, ebeke wanikwa iwonga lomntu ogqwesileyo kwabo baphila nenkubazeko lisebe lezeMidlalo, iNkcubeko noLonwabo kwiphondo leMpuma Koloni.