Amakhosi lelinye lamaqela anembali etyebileyo ebholeni yaseMzantsi Afrika ngenxa yokuphumelela kwawo iindebe. Kodwa eminyakeni esixhenxe egqithileyo, Amakhosi akakwazanga ukufumana iindebe phantsi kwabaqeqeshi abohlukeneyo. Ayibonwabisanga konke konke abalandeli lo nto. Nakule isizini, akusekho nto iKaizer Chiefs engayenza ngoba iphoswe yindebe yeMTN8, iCarling Black Label neyeDStv Premiership. Nakubeni kunjalo, ukuba ingayiphumelela iNedbank Cup – lo nto ingazincothula iintlungu zabalandeli abanyamezele yeminyaka abangayiqhelanga. Umqeqeshi weChiefs, uArthur Zwane, uyayazi imbali yeqela lakhe futhi unoxanduva lokulungisa amajoni wakhe aqinisekise ukuba iChiefs ibuyela kundalashe.
Ukusukela oko ethe wanikwa ithuba lokuqeqesha uZwane, izinto aziyihambelanga kakuhle ncam iChiefs. Ibethwe emidlalweni eliqela ebekufanele ukuba iyiphumelele lula – kodwa kuko konke, kukho nokonzakala kwentaphane yabadlali abaquka uKhama Billiat noNkosingiphile Ngcobo obeqala ukuziqaqambisa phantsi kukaZwane. Umqeqeshi ubongoze abalandeli kule veki ngelithi mabalibale ngembali yeChiefs. Iliso labo mabalibeke kwinto eyenzeka ngoku nabafuna ukuyenza kwixesha elizayo. “Asifuni ukubeka iingqondo zethu ezintweni ezigqithileyo. Thina umsebenzi wethu kukujongana nento ephambi kwethu neendlela ezingaguqula isimo seChiefs,” utshilo uZwane ophantsi koxinizelelo.
Ukuthethe oku uZwane egxeleshe umdlalo weNedbank Cup oza kuba phakathi kweChiefs neMaritzburg United ngomso ngorhatya eHarry Gwala Stadium. Ngumdlalo oza kujongwa kakhulu ngabalandeli, ngakumbi abeChiefs abalambele indebe. “Kubalulekile ukuba sifumane indlela yokuvuselela iqela siphumelele iindebe kwangaxeshanye. Imbali ayibalulekanga kakhulu ngoku. Sebewulungele abadlali umdlalo futhi bayakwazi okulindelekileyo kubo. Siza kudlalela ukuba sigqithele kumjikelo olandelayo weNedbank Cup. Sizimisele ukwenza konke okusemandleni wethu ukuze yenzeke lo nto,” utshilo uZwane ongadlalisa iqela lakhe ngaphandle kwabadlali abafana noCaleb Bimenyimana noKeagan Dolly ngenxa yokonzakala.
UKhoza uthe jize uKaizer Motaung ngesipho esixabisa izigidi ezibini zerandi