Inengqonyela entsha iChippa United

Morgan Mammila, Baroka FC CEO celebrates during the NFD Promotion Playoffs match between Baroka FC and Black Leopards at the Peter Mokaba stadium in Pretoria on 07 June 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

UMnu. Morgan
Mammila yingqonyela entsha yeChippa United, itshilo ingxelo ekhutshwe
namhlanje. Izolo kuvakele iindaba ezithi lo kaMammila ubeke phantsi
njengengqonyela yeBaroka FC emva kwengxelo ethi akabonanga ngasonye nosihlalo
wayo. Nakubeni uMnu. Mammila engenaminyaka emininzi kwikhola ekhatywayo
kwinqanaba eliphezulu – kodwa wenze indiba ebonakalayo kwiBaroka FC ephumelele
indebe yeTelkom Knockout okokuqala kwimbali yayo phambi kokuphela kuka-2018.

Usihlalo weChippa
United, uSiviwe Mpengesi, unethemba lokuba uMammila uyakuthi akwazi ukulinceda
iqela lakhe elisokolayo kule sizini emva kokuqesha abaqeqeshi abathathu. “Siyakuvuyela
ukufika kukaMorgan Mammila kwiChippa United. Uza namava emva kokunceda iBaroka.
Sinethemba lokuba uyakulinceda iqela ngoba ukwanguye nosomashishini futhi
unolwazi oluphangaleleyo ngebhola ekhatywayo,” utshilo uMpengesi kwingxelo
ebhaliyo ekhutshwe liqela lakhe.

Ingqonyela entsha
ibiphakathi kwezikhulu ebeziyinxalenye yomdlalo we-Absa Premier League
obuphakathi kweChippa United ne-Orlando Pirates obubanjelwe e-Orlando Stadium
kobu busuku. Amehlo aza kujonga kuye onke njengokuba izinto zingayihambeli
kakuhle iChippa United.