Umongameli weFIFA, uGianni Infantino, akaphathekanga kakuhle kukubona indoda asebenze nayo ixesha elide iyishiya i-Uefa.
UMichel Platini ugqibe kwelokuba abeke phantsi njengomongameli we-Uefa emva kokuba isibheno sakhe sokucikwa ebholeni singaphumelelanga ekuqaleni kwale veki.
Umongameli weFIFA ebethetha neentatheli emva kwentlanganiso yombutho olawula ibhola ekhatywayo kwihlabathi, “Kunyanzelekile asihloniphe isigqibo esithathwe yinkundla yezibheno.”
“Xa ndithethela mna, kubi kakhulu kum ukuva ngesigqibo asithathileyo. Ndisebenzile noMichel iminyaka elithoba yonke. Zininzi izinto ezinkulu esizenze kunye kwi-Uefa, andisozze ndizilibale ezozinto,” utshilo * -Infantino ongene kwisikhundla sokongamela ekuqaleni kwalo nyaka.
Njengokuba uPlatini waya kwinkundla yezibheno ngenjongo yokuguqula isigwebo awasinikwayo yiFIFA kunyaka ophelileyo, inkundla ayikuguqulanga ukusikwa kwakhe ebholeni, kodwa isinciphisile isigwebo ngeminyaka emibini.
Ekuqaleni uPlatini wanikwa isigwebo seminyaka emithandathu engasondeli kwibhola yehlabathi, kodwa ngoku unikwe iminyaka emine, emva kokuba inkundla yezibheno ithe noko isigwebo sibe qatha kakhulu.
Kodwa eyona nto ithe yagqama kukuba inkundla ithe imali ezizigidi ezibini zeedola [$2-Million] awayifumana kwiFIFA zange ibesemthethweni. Le yimali awayinikwa nguSepp Blatter oshiye iFIFA ngendlela efanayo noPlatini.
Le ndebeba yakwaPlatini yeyona yayibonwa njengendoda eyakuthi ingene endaweni kaBlatter.
U-Infantino uqhubele phambili nomsebenzi wokuxoxa izinto zombutho webhola wokuqala njengomongameli weFIFA kwisixeko esikhulu selizwe laseMexico.
“Yingqungquthela yam yokuqala le ekushukuxwa kuyo indlela yotyalo kuphuhliso lwebhola,” utshilo * -Infantino.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo