Ingabuya iAjax Cape Town?

Alitshoni lingenandaba. Abasemfuthweni wolwazi bathi iAjax Cape Town ifuna ukuthenga iBloemfontein Celtic ukuze ikwazi ukubuyela kwiPremier Soccer League.

Eli qela laseKapa lathotyiselwa kunyaka ophelileyo emva kokuthathelwa amanqaku yiPSL ngenxa yokudlalisa uTendai Ndoro ekwakufanele ukuba akadlalanga.

Kanti yona iCeltic kwelinye icala intyumpantyumpeka ematyaleni ngenxa yeengxaki zemali. Iingxelo zithi abaphathi bayo bayayithengisa kuba bengakwazi ukumelana neendleko zayo.

Kwiveki ephelileyo abadlali beCeltic bebeke bagwayimba ngenxa yeemali ezithile abangakazibhatalwa ngumnikazi weqela uMax Tshabalala.

Kuthiwa abaphathi beAjax banomnqweno wokuyithenga noxa kukho into ethi kunganzima ukusuka kwayo eBloemfontein.