Ingaguquka iChippa United phantsi kwesandla sikaGavin Hunt?

Kucace nakuthathatha okokuba iChippa United liqela elingalawulwa kakuhle. Zine iisizini esinde kuzo ngolambisa ngenxa yezigqibo zokugxothwa kwabaqeqeshi nguMnu. Siviwe Mpengesi. Akukhathaliseki nokuba isizini iyaqala okanye iyaphela, xa ecingile, ugxotha umqeqeshi qha. Ukungena nokuphuma kwabaqeqeshi kuchaphazela abadlali kakhulu kuphinde kungabikho uzinzo kwiqela lilonke. Ukudlala kweChippa United imidlalo yokuxabangela (PlayOffs) kumbonisile uMpengesi ukuba iqela lakhe liza kuthotyiselwa ukuba akenzi izinto ngendlela eyiyo. Nomxhasi omkhulu weqela lakhe, iNelson Mandela Bay Metro, uvakalise ukungonwabi kwakhe kukungabikho kozinzo watsho esithi ufuna kwenziwe izinto kakuhle, ngakumbi ngoku kukho uGavin Hunt – omnye wabaqeqeshi abaphambili ebholeni yaseMzantsi Afrika.

UHunt ufike eGqeberha kwiveki ephelileyo emva kokuhamba kukaLehlohonolo Seema obeqeshelwe ukusindisa iqela ezembeni. “Kuyasivuyisa ukungathotyiselwa kweChippa. Sifuna ukwenza indawo yethu isigqubu sezemidlalo. Yiyo lo nto sizibona njengabanini bezabelo kwiChippa. Siyinika imali iChippa ngoba sifuna iqela lendawo yethu kwiPSL. Kukhulu kakhulu ke esikulindeleyo singabantu beliphondo. Abantu bayayithanda iChippa – kodwa ndithe mayiphathwe kakuhle phaya kuMpengesi,” utshilo usodolophi, uNqaba Bhanga. Ingaba ukufika kukaHunt sisiqalo sokuguquka kwezinto? Akukho bani waziyo – kodwa uHunt uwaphakamisile amaqela afana neMoroka Swallows, iSuperSport United neBidvest Wits eminyakeni eyagqithayo.

Xa enokunikwa inkxaso epheleleyo nethuba, ungakhona umahluko. “Sithethile noMnu. Mpengesi ndambonisa nokubaluleka kokuqinisa iqela. Akukho nto endiza kuyithembisa – kodwa siza kulakha iqela abaza kuzingomba isifuba ngalo abantu bale ndawo,” utshilo uHunt, ethetha emva kokwaziswa kwakhe ebantwini kwiveki ephelileyo. UDaine Klake, odlalele amaqela afana neSuperSport United, iPirates neWits, kulindeleke abe lisekela likaHunt. Akuphelelanga apho ngoba kulindeleke kubekho nomphathi weqela omtsha okhethwe ngumqeqeshi omtsha. Akukacaci nokuba isizini entsha yeDStv iya kuqala na kwinyanga ezayo ngoba kusekho umbaweRoyal AM engayidlalanga imidlalo yokuxabangela kuba isithi kumele inyuselwe ngasentla.