Kule minyaka mine idlulileyo iinkokeli zebhola kwilizwekazi le-Afrika bezinawo ubono othi noko indawo yazo ifanelwe linani lamazwe adlala kwitumente yehlabathi elikhuliu kuneli.
Yakhatywa lo nto kwingqungquthela eyayibanjelwe eBrazil phambi kweFIFA World Cup ngo’2014, kodwa ngoku kukhangeleka ngathi umnqweno we-Afrika ungafezeka.
Oku kulandela into ethethwe ngumongameli weFIFA, uGianni Infantino, athe iAfrika ingafumana iindawo ezimbini kwindebe yehlabathi. Lo ka-Infantino uthathe iintambo zolawulo kwiFIFA ekupheleni kwenyanga yoMdumba.
Abantu abathile bathi ukongezwa kwenani kungachaphazela umgangatho womdlalo. “Lo nto ingayinceda iWorld Cup ngoba izakuba namazwe athe chatha.
Umgangatho womdlalo webhola soze ungxengwe yilo nto ngoba uphezulu. Nezinye iindawo kodwa zingafumana xa kusongezwa inani,” utshilo * -Infantino kwiFox Sports.
pedro.mapelo@inlco.za
Kubhubhe abantu kwingozi eyenzeke phakathi kweGcuwa neDutywa!