‘Ingase uKaizer Motaung angenelele ngokwakhe’

I’solezwe lesiXhosa lincokole nomlandeli weKaizer Chiefs osentlungwini eyenziwa kukungaphumeleli kweqela lakhe. Le ndedeba ehlala eStellenbosch ikhomba iindawo ezifuna ukulungiswa ukuze iChiefs ibuyele kwisimo sayo.

Pedro Mapelo: Molo Mhlekazi, unjani kodwa?

ASEZA DYASI: Ndiphilile bhuti, kunjani kuwe?

PM: Kuhle nakum, enkosi. Ngokufutshane, ndicela uzazise kubafundi bephepha.

AD: Igama lam ndingu-Aseza Dyasi. Ndingumhlali waseKhayamnandi, eStellenbosch. Ndingumlandeli omkhulu weKaizer Chiefs.

PM:Enkosi ngokuzazisa. Khawutsho, ngubani umdlali omthandayo kwiChiefs?

AD: Oyena mdlali endimthandayo nguGustavo Paez. Ngoyena mdlali esinaye endingathi udlala ngcono. Ebaleni uyayazi indawo emfaneleyo nemsebenzelayo ukuze afake amagowuli kwaye usebenza ngokuzimisela ngamaxesha onke.

PM:Khawusibalisele, waqala nini kakade ukuba ngumlandeli weChiefs?

AD: Ha ha haNdaqala ukulandela iChiefs phaya ngo-2004. Kwiilali zethu phaya kooCandu, eDutywa – awona maqela ebethandwa kakhulu ngabantu yiChiefs ne-Orlando Pirates. Mna ndaye ndakhetha iChiefs ngenxa kaScara Ngobese. Ngoyena mdlali owatsala umdla wam lowo noPatrick Mayo.

PM: Yintoni ongasoze uyilibale eyenziwe liqela lakho ukusukela mhla walithanda?

AD: Uyabona, soze ndiyilibale iChiefs ngethuba yayisaqeqeshwa nguStuart Baxter. Yeyona ndiyothulela umnqwazi nangoku. Izinto azihambi kakuhle ngoku kuqeqesha uSteve Komphela. Indlela edlala ngayo iyatyhafisa; uba nexhala xa idlala ngoba awuyazi nokuba izakuphumelela na. Ingase kubekho umqeqeshi onamava njengoBaxter kwakhona.

PM:Ucinga ukuba yonakele phi kwiChiefs, kungalungiswa ntoni kuyo?

AD:Mna ndibeka ityala kakhulu kubaphathi beChiefs. Ngamanye amaxesha andimgxeki uJola ngoba uBobby Motaung akafuni ukuthenga abadlali. Nguye lo ubulala iChiefs. Ingase uKaizer Motaung angenelele, afake unyana lo wakhe mncinci. Ukuthengwa kwabadlali basimahla akusebenzi tu. Baninzi abadlali abahambileyo bengadlalanga.