Ingasinda na iChippa United kwitolo laBafana Bes’thende?

Abdi Banda weChippa United noSaziso Magawana weLamontville Golden emdlalweni weDStv Premiership owawusePrincess Magogo Stadium. Umfanekiso: ©Gerhard Duraan/BackpagePix

Ngentsimbi yesihlanu emalanga ngoMgqibelo, kuzobe kucacile elona qela eligecwe lizembe neliza kudlala imidlalo yokuxabangela namaqela adlala kwiMotsepe Foundation Championship. Onke amaqela adlala kwiDStv Premiership alungiselela ukudlala imidlalo yokugqibela. Nangona isongwa isizini, kuninzi kakhulu okusadlalelwayo. Amanye amaqela afuna ukungena kwiTop 8, amanye alwa ngendawo yesibini kanti amathathu alwela ukusinda ezembeni. Iqengqelekile iminyaka isinda iChippa United edume ngokugxotha abaqeqeshi. Umbuzo: ingaba iza kusinda na kweli ityeli? Oku kwakucaca xa idibana neGolden Arrows emdlalweni weDStv Premiership oza kube useNelson Mandela Bay Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo.

Ngokufanayo nesizini egqithileyo, iChippa idinga amanqaku amathathu ukuze iphephe izembe. Okanye kufuneka ithandazele ukubethwa kweMaritzburg United neMarumo Gallants eduda nazo emsileni. ULehlohonolo Seema ujongene nomsebenzi onzima kakhulu owokuhlangula iChippa United engaqhubanga kakuhle phambi kokufika kwakhe. Iza kujongana naBafana Bes’thende abancwase ukubethelela indawo yabo kwiTop 8. Ngaphandle kwamathandabuzo, wona umdlalo uza kuba nzima kakhulu – kodwa ukuba izimisele, iChippa ingaphumelela. Umqeqeshi weGolden Arrows, uVusumuzi Vilakazi, uyibeke yacaca into ethi iqela lakhe kufuneka liphumelele ngoMgqibelo.

“Isekhona into esiyidlalelayo. Ngoku sihleli kwindawo yesibhozo kwiDStv Premiership – kodwa akukho siqinisekiso ngoba silingana namaqela amabini ngamanqaku. Kunyanzelekile siwuphumelele umdlalo wokugqibela ukuze sihlale kwindawo esikuyo ngoku,” utshilo uVilakazi. Nangona izinto bezikhe zayihambela kakubi iGolden Arrows kule sizini esongwayo – kodwa uVilakazi ebambisene noMabhuti Khenyeza, bakwazile ukulwa kwaye ngoku bazama ukuyifaka kwiTop 8. Abadlali abafana no-Etiosa Ighodaro, Aviwe Mqokozo noTrevor Mathiane kulindeleke bancede iChippa kwiinzame zayo zokuhlala kwiDStv Premiership emdlalweni wokugqibela. Imidlalo yonke iza kuqala ngentsimbi yesithathu ngoMgqibela.

Imidlalo yeDStv Premiership:

Chippa United vs Golden Arrows @Nelson Mandela Bay Stadium; Sekhukhune United vs SuperSport United @Peter Mokaba Stadium; Swallows FC vs Marumo Gallants @Dobsonville Stadium; AmaZulu vs Orlando Pirates @Moses Mabhida Stadium; Stellenbosch vs TS Galaxy @Danie Craven Stadium; Kaizer Chiefs vs Cape Town City @FNB Stadium; Richards Bay vs Royal Am @King Zwelithini Stadium