Emva kokonzakala emdlalweni wayizolo, uBernard Parker uthe kunokwenzeka ukuba sisiphelo sakhe njengomdlali webhola ekhatywayo. Oku ukuthethe kuBongani Khumalo, ongumhlalutyi kaSuperSport TV, phambi kokubalekiselwa kwakhe esibhedlele. UParker wophulwe isihlahla sonyawo nguBongani Zungu emdlalweni weCarling Knockout obubanjelwe eMbombela Stadium izolo ebusuku. iTS Galaxy ebethe iMamelodi Sundowns ngo’5-4 kumapenela emdlalweni ophele amaqela ebambene ngo’2-2. UZungu umnyathele kakubi uParker besukela ibhola ebiphakathi kwabo bobabini.
Okuye kwakhathaza abantu abaninzi izolo ebusuku kukuba uZungu ubonakele kumabonakude njengomntu ongavumiyo ukuba wenze into embi nakubeni usompempe ekhawuleze wabizela amagosa empilo ngaphakathi ebaleni mva kokuba ebone ingxaki eyenzekileyo. UParker ngoyena mdlali onamava kwiTS Galaxy akwisizini yesibini eyidlalela. Wagqama kwiThanda Royal Zulu ngo2004 phambi kokuya kwiFC Twente ngo2009.
Uzenzele igama kwiChiefs ayidlalele iminyaka elishumi elinanye emva kokufika kuyo kwisizini yePSL ka2011/12. Nakubeni uParker esengomnye weentsika zeTS Galaxy – kodwa uTim Sukazi wathi umgcina kuba efuna afuthelane nabadlali abasakhulayo afuna bafunde kuye ngoba ungumdlali ongumzekelo omhle ebholeni ekhatywayo. Namhlanje iTS Galaxy ikhuphe ingxelo kumakhasi onxibelelwa ethi uParker wophuke amathambo amabini kwaye uza kwenziwa utyando.
Umqeqeshi weTS Galaxy, uSead Raamovic, uxelele iSowetan namhlanje ukuba baza kumxhasa umdlali wabo unamashumi amathathu anesixhenxe eminyaka (37). “Andiqinisekanga nokuba iSundowns ixolisile na – kodwa ndiqinisekile ukuba abaqeqeshi bayo baza kumthinta umdlali baxolise. UZungu akamophulanga ngabom (uParker). Ezi zizinto ezenzekayo ebholeni ekhatywayo. Ngumntu owomeleleyo uParker futhi osisibonelo esihle kwabaninzi. Siza kumnika yonke inkxaso ayidingayo ukuze abuyele ebholeni enamandla. Sillahlekelwe ngumdlali owomeleleyo,” utshilo uRamovic.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike