Emva kwexesha elide kungacaci ngokuhamba kukaSibusiso Vilakazi weBidvest Wits , ngoku iingxelo zithi uthengiselwe iMamelodi Sundowns.
Lo mdlali kwavakala kudala ukuba ufuna ukuyishiya iWits emva kokuvakala kokuba ufunwa ngamaqela amakhulu kwibhola ekhatywayo yoMzantsi Afrika iMamelodi Sundowns neKaizer Chiefs, kodwa ingxaki ibiyiWits ebiwatshonisa ngapha nangapha lo maqela.
Kwinyanga ephelileyo uBobby Motaung zange awufihle umnqweno wakhe wokurhwebeshela lo mdlali siswini kwiChiefs, kodwa kwanyanzeleka ukuba arhoxe kuba esithi iWits ayifuni kuthengisela iChiefs abadlali. Kanti naye umqeqeshi weSundowns, uPitso Mosimane, wathi [ngoko] sokuze abhatale izigidi ezilishumi [R10-million] ezifunwa yiWits ngalo mdlali wayo.
Kodwa kuyabonakala ukuba iWits ide yavumelana neSundowns. Akukacacai ngoku nokuba lo mdlali uthengiswe ngamalini, kodwa iindaba ezivakalayo zithi babini abadlali abazakuthathwa yiWits njengokuba uVilakazi esiya kweli qela lasePitoli.
Iingxelo zithi abaphathi beWits bebefuna uGeorge Lesebe noBernard Parker kwiChiefs ukuze yona ifumane lo mdlali unamashumi amabini anesithandathu eminyaka. Kanti kwiSundowns yayifuna abadlali abathathu kwase- kuqaleni okanye imali engaphezulu kwezigidi ezilishumi.
Zonke ezo zinto injongo yazo yayikutyhafisa onke amaqela afuna uVilakazi. Umanejala walo mdlali, uMike Makaab, waxelela amajelo eendaba kwiveki engaphaya kwale iphelileyo ukuba uVila uyahamba kwiWits, kwaye abaphathi bayo bayayanzi ukuba lo mdlali ufuna ukudlala kwenye indawo. Kubonakala ngathi kungenzeka ingaphelanga le veki oko.
Akukho nelinye iqela elifune ukuphefumla ngalo mba.
Wakhutshelwa phandle ngumakhulu kuba engxola kanti uzakubalixhoba lokudlwengulwa ona10!