Ingavuma iWalter Sisulu ukuphindwa yiFort Hare kwiVarsity Shield?

Amaqela amabini adlala kwiVarsity Shield, iFort Hare University neWalter Sisulu University, aza kududlana okweenkunzi zegusha emdlalweni ojongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli bombhoxo. Umdlalo wala maqela mabini waseMpuma Koloni uza kube ubanjelwa eDavidson ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya ngoLwesine wale veki. Okuncumisayo ngomdlali weFort Hare neWalter Sisulu kukuba kuza kube kuboniswa esizweni italente yaseMpuma Koloni – iphondo elinembali etyebileyo kakhulu kwicala lokukhiqiza abadlali abaphambili embhoxweni waseMzantsi Afrika nakwihlabathi liphela. Emva kwemidlalo emithandathu yeVarsity Shield kwisizini eqhubekayo, iFort Hare ithe ngcu phezulu kwaye iyiphumelele yonke imidlalo yayo.

Kanti yona iWSU All Black ihleli kwindawo yesine. Iphumelele imidlalo emithathu, yaze yabethwa kweminye emithathu. Phakathi kwaloo midlalo kukho eyankulwa kuwo yiFort Hare ngo’27-13 kwinyanga yoKwindla. Umbuzo: Iza kuvuma na iWalter Sisulu ukuhlazwa kabini yiFort Hare? Impendulo iza kuvela ebaleni ngoLwesine. Kodwa xa ubani ejonga indlela edlala ngayo iFort Hare kule isizini, maninzi amathuba okuphumelela kwayo kwakhona. Nangona iWalter Sisulu ibiyeyona inamandla kwiVarsity Shield kumaqela alapha eMpuma Koloni phambi kokufika kweKhorona – kodwa izinto azisafani.

Mhlawumbi, ezinye zezizathu kukungabikho kwabadlali ababekhona eminyakeni egqithileyo nokufika kwabaqeqeshi abatsha. Umdlalo uza kunika umdla ngoba iWalter Sisulu ayizuvuma ukubethwa kabini izihlandlo zilandelela kwidabi lobukhaya. Yona iFort Hare ijonge into enye ngoku: ukubethelela indawo yayo phezulu ukuze yandise amathuba wayo okunyuselwa kwiVarsity Cup yoompondozihlanjiwe embhoxweni weeyunivesithi zaseMzantsi Afrika. Iqela laseMpuma Koloni elingaqhubi kakuhle kwiVarsity Shield kule sizini yiRhodes University.