Linyathelela phezulu iqela likaPitso Mosimane emva kokuphumelela kakuhle ngempelaveki. IMamelodi Sundowns ivuthulule iKaizer Chiefs ngo’3-1 kumdlalo wePSL eLoftus Stadium.
Ngoku iDowns ibethwa ngumoya phezulu kwiPSL, kwaye kukho umsantsa wamanqaku amathandathu aphakathi kwayo neBidvest Wits.
Kumdlalo wempelaveki iSundowns izibonakalisile ukuba iyayifuna indebe. Amagowuli kulo mdlalo afakwe nguLeonardo Castro, uThabo Ntete noWillard Katsande. Elobika leChiefs lifakwe nguLorenzo Gordhino. UPitso uyayazi into ayifunayo futhi uyayazi ukuba iphi.
Le ndedeba izithembile nabadlali bazithembile. Lo nto yenziwa kukuba indebe ivele ngeempondo. Kwisizini ephelileyo uJingles wathi indebe uzakuyoyithatha kwiChiefs, kuzakuba njalo.
IDowns idinga amanqaku amane kule midlalo mithathu iseleyo ukuze ibeziintshatsheli zika-2015/16.
UPitso uyibethelele into ethi, iSundowns iyisebenzele indawo ekuyo. Uphantse wachitheka umphothulo kula mdlalo weveki epheleliyo kuba iChiefs iqale ngokuyishicilela iDowns kodwa azibonakalisa amakhwenkwe asePitoli phambi kwabalandeli abebephume ngobunizi.
“Bekunzima. Siphumelele, eyona nto ibalulekileyo nebesiyifuna kulo mdlalo. Sibonisile ukuba siyawufuna nyhani lo mdlalo. Asenzelelwanga kwindawo esikuyo, sisebenzile,” utshilo uJingles.
Kodwa uPitso uyakuqonda ukukhwaza ungekaphumi ehlathini kuyingozi. Yiyo lo nto ekhuthaze abadlali bakhe bangangxameli uvuya umsebenzi ungekapheli.
Lo mqeqeshi uzimisele ufumana amanqaku apheleleyo kumdlalo ophakathi kweSundowns neTuks kule veki.
“Izinto ziphantsi kolawulo lwethu okwangoku, kodwa kufuneka sichule ukunyathela. Ndiyathemba abadlali bakudlala ngendlela efanelekileyo xa bedibana neTuks. Asizikhathazi ngamanqaku esinawo, sithi abalawulayo,” utshilo uPitso.
Iziphumo zePSL
Jomo Cosmos 1-0 Tuks; Bloem Celtic 5-0 Ajax Cape Town; Wits 1-1 Chippa; Polokwane 0-0 Black Aces; Arrows 1-0 F. State Stars
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup