Ingcaciso ngabadlali ababini beKaizer Chiefs

Umqeqeshi weKaizer Chiefs uErnst Middendorp ude waphumela elubala ngabadlali bakhe ababini.

Owokuqala nguWillard Katsande owagqibela ukudlalela iChiefs emdlalweni weNedbank Cup, eBhayi, apho yabetha khona iThe Magic FC ngo’3-0. Emva kwaloo mdlalo, uKatsande zange aphinde adlaliswe.

Ukuvinjwa kwakhe imidlalo nguMiddendorp kuphembelele imibuzo emininzi ngekamva lakhe ngokuba ngoyena mdlali iChiefs ebisoloko ixhathise ngaye.

Umqeqeshi uthi ukushiywa kwabadlali emidlalweni yinkqubo abayisebenzisayo.

“Xa sicinga ukuba umdlali uyafuneka emdlalweni othile siyamquka kwinani labadlali abaza kudlala kuloo mdlalo. Uza kuqwalaselwa uKatsande naye ukuba ukulungele ukudlala na ngoMgqibelo,” utshilo uMiddendorp.

Kanti kwicala likaJoseph Molangoane, umqeqeshi uthe akusekho nto anokuyenza ngokuba ushiyeke kakhulu emsebenzini wale sizini.

Iintetha zomqeqeshi ngaba badlali babini zenza kubekho ukuthandabuza ngekamva labo kwiChiefs.

UMolangoane uhleli ithuba elide emva kokonzakala kunyaka ophelileyo.