Ingena kuvuthondaba iMTN 8

UBenson Mhlongo noJoseph Makhanya bendwendwele kwiphephandaba Isolezwe lesiXhosa nendebe yeMTN8Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Ingena kuvuthondaba iMTN 8 kule veki. Mane amaqela aza kube esilwela ukuya emdlalweni wokugqibela.

Emva kokukhupha iCape Town City ngo’2-0 emdlalweni ogqithileyo, iPolokwane City iza kuzama ukuya kwisigaba sokugqibela kwiMTN xa idibana neHighlands Park, ebethe iOrlando Pirates ngo’1-0 kutshanje, emdlalweni oza kube usePeter Mokaba Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo.

Kanti yona iMamelodi Sundowns, engekayiphumeleli iMTN 8 phantsi kukaPitso Mosimane, indwendwela iSuperSport United ngentsimbi yesithathu ngoMgqibelo, eLucas Moripe Stadium.

Ukuphuma kwamaqela afana neCape Town City nePirates kwangoko ngekuba kuthetha ukuthi iSundowns inethuba elihle lokuthatha iMTN 8 Cup kodwa ngeke ibe yinto elula leyo ngoba kusekho Amatsatsantsa asokolisayo kakhulu.

Amagqala ebhola ekhatywayo amabini, uBenson Mhlongo noJoseph Makhanya, ebelapha eMpuma Koloni eyinxalenye yephulo likaMTN elizama ukuhlupheza abalandeli bebhola ukuze baxhase imidlalo yamaqela aseleyo kwiMTN 8.

UMhlongo noMakhanya bathi akusekho qela elinokujongelwa phantsi ngoku ngoba onke amaqela azimisele.

“Akusekho lula ukuqikelela iqela eliza kuphumelela. Yilo nto kufuneka abantu baziyele ebaleni ukuze babone kutheni kungasekho lula njengakudala.

Ewe, lisekhona iqela elidala elisekhoyo kwiMTN kodwa amakhulu akasekho wona,” utshilo uMhlongo.

Kanti yena uMakhanya uthe: “Le ndebe inika amaqela amancinane ithuba lokufumana izigidi ezisibhozo avale nomsantsa phakathi kwawo nalawo makhulu.

Kunzima ukubona ukuba leliphi elakuyithatha ekugqibeleni ngoba iqela ngalinye liya zilwela ebaleni.”

Kule sizini, uMTN uze neenguqu eziliqela. Ngabantu abachonga umdlali obalaseleyo kanti ubhatala ishumi lamawaka igowuli ngalinye elifakiweyo emidlalweni.

Imali iya kwabelwa amaziko anceda uluntu olutsala nzima.

“Ibalulekile iMTN 8 ebholeni ngoba ifaka phakathi wonke umntu olandela ibhola. Nangoku kukho amabhaso awabekele bucala uMTN ukuze axhanyulwe ngabalandeli.

Kulo nyaka, uMTN uthe abantu mayibe ngabo abakhetha umdlali obalaseleyo emdlalweni ngamnye – kanti bayakwazi nokuzikhethela indlela abafuna ukuphumelela ngayo kukhuphiswano lukaMTN okhupha izipho ezixabisa izigidi ezisibhozo.