Ingena kwiveki yesibini iEC Super 14 ijingxela

Emva kwamagingxigingxi kwiindawo ezithile, isiqendu esitsha se-Eastern Cape Super 14 siqalile kwiveki ephelileyo. Kuvakala ukuba kubekho ukuphazamiseka kwesiqalo seminye imidlalo ngenxa yokufana kwezikipa ekudlalwa ngazo, kodwa nangona bekunjalo, imidlalo iqhubele phambili ngaphandle koyena obujongwe ngamehlo abomvu phakathi kweProgress ne-East Rand United. Umdlalo uye wamiswa ngenxa yezizathu ezingachazwanga emva kokubabazwa kwetumente ekutyalwe kuyo izigidi zeerandi ngurhulumente wephondo weMpuma Koloni. AmaMpondo ancume olukabhlankethe emva kokuba iNtlaza Lions ivuthulule iYoung Leopards ngo23-9 emdlalweni obunzima.

Kweminye imidlalo kaGroup B: iKirkwood ibethwe yiGeore Crusaders ngo29-23, iJeffreys Bay ibethe iSwallows ngo35-33 yona iEast London Police ibethe iPE Harlequins emdlalweni obuseMonti. Kanti kuGroup A: iGardens ibethe iNcerha Leoapards ngo30-28, iKruisfontein ingombe iMoonlight ngo29-3 yaze iPark yavuthulula iOld Selbornians. Kwakhona ngempelaveki, AmaMpondo aza konwabela umdlalo osemgangathweni ophezulu phakathi kweqela lawo lombhoxo iNtlaza Lions neGeorge Crusaders ngentsimbi yesithathu eNtlaza Stadium.

Emva kokuba ibethe iLeopards emdlalweni wokuqala ngqa, iNtlaza Lions iza kulwela ukuphumelela kwakhona ukuze ithumele umyalezo kuwo onke amaqela aza kutyelela eMampondweni kule sizini. IJeffreys Bay igxeleshe impumelelo yesibini xa idibana neYoung Leopards eyophisayo. Yona iPE Harlequins idibana neKirkwood esakhangela impumelelo yayo yokuqala. Umdlalo ophakathi kweSwallows nePolice uza kutaka iintlantsi eMonti. IMoonlight yamkela iPark kwibala laseMooiplaas. Old Selbornians idibana ne-Easte Rand emdlalweni oseBeysville ize yona iGardens idibane neKrruisfontein emdlalweni oza kube useDerick Stadium. Yonke imidlalo iza kuqala ngecala lentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo.