Yenze imbali iSenegal ngokuba lilizwe lokuqala eliphuma eAfrika elizibekele indawo kwiTop 16 yeFifa World Cup ebanjelwe eQatar kulo nyaka. Oku kwenzeke emva kokuba ibethe iEcuador ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obubanjelwe eKhalifa International Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Amagowuli ephumelele ngawo iSenegal afakwe nguKalidou Koulibaly no-Ismaila Sarr. Kanti elayo iEcuador lifakwe nguMoises Caicedo kwisigaba sesibini. Nangona iSeneral ibinalo ithuba lokudlula – kodwa kuye kwanyanzeleka ukuba iyisebenzele indawo yesibini ebibanjwe yiEcuador. Yiyo lo nto ikhawuleze yathezela emnxebeni kusakhanya emdlalweni. Kwangoko kakhulu kwisigaba sokuqala, uKoulibaly uyibeke endaweni entle iSenegal ngegowuli lakhe.
Baqhubele phambili abafana baka-Aliou Cisse nokuhlasela bekhangela igowuli lesibini. Kuyiwe kwixesha lokuphumla indlela yeSenegal icacile – kodwa ibizilwela iEcuador nayo kwela icala. Ivala isigaba sokuqala setumente yehlabathi iSenegal ihleli kwindawo yesibini emva kweNetherlands ebethe iQatar ngamagowuli amabini eqandeni komnye umdlalo wanamhlanje emalanga. Emva kokubetha iQatar ngo’2-0 emdlalweni wokuqala wetumente yehlabathi kulo nyaka, iEcuador ibidinga inqaku elinye emdlalweni wanamhlanje ibambelele kulo.
Ngelishwa layo iEcuador khange iqheliselwe yiSenegal eyabethwa yiNetherlands ngo’2-0 emdlalweni wokuqala phambi kokuzibethela iQatar kowesibini. Idlale kakuhle (iEcuador) nangona namhlanje ingakwazanga ukufaka amagowuli oneleyo ebenokuyisa kwiTop 16 yeFifa World Cup. Mhlawumbi ukungabikho kukaValencia kube nawo umthelela ekubethweni kwayo iEcuador. Ugoduka namagowuli amabini egameni lakhe kwitumente yehlabathi ka-2022. AmaDatshi aya phambili emva kokuyiphumelela yonke imidlalo yawo. Ayekwa yiSenegal emdlalweni wokuqala – kodwa ebegunya ngento enye kuyo yonke imidlalo yawo: ukufaka amagowuli. Iphele njalo indlela yeQatar nayo iEcuador kwiFifa World Cup.
IBig Brother Mzansi iza kuqala ngoJanuwari