Mabini ngoku amaqela aphuma kwizwekazi le-Afrika angenileyo kwiTop 16 yeFifa World Cup ebanjelwe eQatar. Namhlanje iMorocco idlulele phambili emva kokubetha iCanada ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obubanjelwe eAl Thumama Stadium emalanga. Ingene emdlalweni wanamhlanje iMorocco izimisele kakhulu ngoba ibingafuni kubekho ubunzima ekupheleni kosuku kumaqela kaGroup F. Omnye wabadlali abaqaqambileyo kwitumente yehlabathi yalo nyaka, uHakim Ziyich, ubhakuzelise umnatha emzuzwini wesine. Ubazume abadlali beCanada basemva bengalindelanga. Ligowuli elo elibeke iMorocco endaweni ephezulu kuGroup F.
Emzuzwini wamashumi amabini anesithathu, uYoussef EN Nesyri ufake igowuli lesibini leMorocco engayiqheliselanga iCanada. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iMorocco ihamba phambili. Kwisigaba sesibini, iCanada ifumene igowuli lokubika ngebhola efakwe nguNayef Aguerd ogwaze umkhonto ezipalini zakhe. Nangona izamile ukudlala ibhola enomtsalane iCanada – kodwa okubi kukuba igoduka ingaphumelelanga namnye umdlalo. Amanye amaqela azixhethele kuyo ukuze aphumelele. Yona iCroatia idlulela phambili emva kokudlala ntanganye ngeqanda neBelgium namhlanje. Ekuqaleni kweveki, iCroatia ibethe iCanada ngamagowuli amane kwenye.
Kanti yadlala ntanganye neMorocco emdlalweni wokuqala kaGroup F. Iibhatyi zigcwele umoya kwabeBelgium ebidikidiki kwitumente yalo nyaka. Yabetha iCanada emdlalweni wokuqala – kodwa yoyiswa kukubetha iMorocco neCroatia. Igoduka ineziqwayi zabadlali injalo. Ebekhona amathuba okufaka amagowuli emdlalweni wanamhlanje – kodwa abadlali abafana noLukaku abakwazanga ukuyinceda iBelgium eye emdlalweni kunyanzelekile ukuba iphumelele. Kuba iCroatia ibinamanqaku amane, iye emdlalweni iyokulwela ukungabethwa yiBelgium. Iyenzile lo nto yatsho yazibekela indawo nayo kwiTop 16 yeFifa World Cup yalo nyaka.
IPirates ibhale iincwadi zembali ngokutsha eMoses Mabhida Stadium!