Angene ebaleka AmaNgesi kwiTop 16 yeFifa Wold Cup emva kokubhulela amasaka iWales ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni obubanjelwe eAhmad bin Ali Stadium namhlanje. Ngelishwa layo iWales, kuye kwanyanzeleka igoduke emva kokwenza utsi gxada kwitumente yehlabathi ebuyele kuyo emva kwamashumi amathandathu eminyaka yagqibela. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iyinkwa nenkwa, kungekho nalinye elifuna ukubethwa. Ngaphandle kwamathandabuzo lo nto iyinike amandla iWales ebikhangela impumelelo yamagowuli amathathu ukuze ifumane ithuba lokuhlala kwitumente yehlabathi.
Emva kwekhefu, uMarcus Rashford ungcangcazelise umnatha okokuqala emva kokukhaba ibhola entle ebibekwe phantsi kufuphi nomhlaba kanozinti. Emva kwakhe uPhil Foden weManchester City ufake igowuli lesibini leNgilane. Ubuyile uRashford wafaka igowuli lesithathu watsho walingana noCody Gapko oncede iNetherlands yadlulela kumjikelo olandelayo weFifa Wolrd Cup ebanjelwe eQatar esele iphumile.
Uphelile umdlalo iWales ingafumenanga negowuli lokubika ekhaya emdlalweni wanamhlanje. Emva kokusongwa kwemidlalo kaGroup B, yiNgilane neMelika ezigqithela kwiTop 16 yeFifa World Cup. Kwelinye icala iMelika (USA) ibethe i-Iran ngegowuli elinye elifakwe nguChristian Pulisic emdlalweni wanamhlanje. Emva kokungenzi ngokwaneleyo, iWales ne-Iran ziyagoduka.
Noxa kufike ixesha lokugoduka, omabini amaqela azamile ukulwa. Indlela abezinikele ngayo emidlalweni iyancomeka. Akukho kuphumla kwiNgilane ngoba kufuneka ilungiselele ukudibana neSenegal eyinkathazo. Iqela lika-Aliou Cisse liye kwiTop 16 emva kokubetha iEcuador ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obunamhlanje emalanga. Umdlalo ophakathi kweSenegal namaNgesi uza kutaka iintlantsi ngoba omabini amazwe afuna ukuqhuba kakuhle kwitumente yalo nyaka. Amanye amaqela azibekele iindawo kwiTop 16 aquka iFrance, iNetherlands, iPortugal neBrazil nangona ziseza kudlala imidlalo yokugqibela.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10