Ingqondo kaRakhale ikwiChippa United ngoku!

USiviwe Mpengesi (ekhohlo) nabadlali ngethuba besaziswa ngokusesikweni kwiChippa United. Umfanekiso: Uthunyelwe.

Usihlalo weChippa United, uSiviwe Mpengesi, utyhile kwelinye iphepha kule mihla.

Le ndedeba ebikade ityholwa ngokungayazi ibhola iguqukile kwaye abantu bayitshintshile indlela abambona ngayo emva kokuzisa abadlali abakwinqanaba eliphezulu kwiqela lakhe elizinze eMpuma Koloni.

Kutshanje uMpengesi ubhengeze iqela labadlali abaphambili abanike igama elithi Distruction Boys – anethemba lokuba lakuthi lincede iqela lakhe elincwase indawo kwiTop 8 isihlandlo sesibini kwimbali yalo ukusukela ngo-2010.

Abadlali abatyikitywe yiChippa kulo nyaka nguThabo Rakhale, uNkosinathi Mthiyane, uLinda Mntambo, uMxolisi Macuphu noBantu Mzwakali osuka kwi-Ajax Cape Town ethathe uJulies.

Abantu bothuke kakhulu xa kusithiwa uRakhale uzakudlalela iChippa United ngoba ngumdlali othandwayo ngabalandeli be-Orlando Pirates.

Ukuza kwakhe lo mdlali kwiqela elifana neChippa akakuboni njengokubuyela emva konke kwaye uzimisele ukuyincedisa kwiinzame zayo zokuvala isizini ikwindawo endilisekileyo.

URakhale uzakudlalela iChippa kude kuphele le sizini emva kokuba iPirates igqibe kwelokuba ibolekise ngaye ngenxa yokungadlaliswa kwakhe nguMicho.

Isigqibo esithathwe yiPirates asimothusanga uRakhale ngoba uyabazi ubom basebholeni.

“Izinto ezinje kufanele uzilindele xa udlala ibhola. Namhlanje udlalela eli iqela, ngomso udlalela elinye. Andingomdlali wokuqala okwesi simo. Ingqondo yam isekudlaleleni iChippa ngoku. Ibhola ifuna abantu abangengo mabhetye-bhetye engqondweni,” utshilo uRakhale.

URakhale uqale ukudlalela iChippa ngethuba ibetha AmaZulu FC ngo’2-0 kwiveki ephelileyo. Lo mdlali usebenza noTeboho Moloi udlale phantsi kwakhe ngethuba elisekela-mqeqeshi kwiPirates.

IiChilli Boys, ezikwindawo yesixhenxe kwiPSL, zamkela iBidvest Wits ngo’15:30, eNelson Mandela Bay Stadium, ngeCawe.

UMoloi uzakube efuna amanqaku apheleleyo ukuze iqela lakhe linyukele phezulu, kanti nayo iWits esokolayo kule sizini ifuna impumelelo ukuze isuke emsileni.

Imidlalo yePSL

NgoLwesithathu: Bidvest Wits vs SuperSport United @Bidvest Stadium 19:30

NgoLwesihlanu: Maritzburg United vs Bloemfontein Celtic @Harry Gwala Stadium 20:00; Ajax Cape Town vs Platinum Stars @Cape Town Stadium 20:00

NgoMgqibelo: Mamelodi Sundowns vs Orlando Pirates @Loftus Versfeld Stadium 15:30; Free State Stars vs Cape Town City @Goble Park Stadium 18:00; Kaizer Chiefs vs Polokwane City @FNB Stadium 20:15

NgeCawe: Baroka FC vs AmaZulu @Peter Mokaba Stadium 15:30; Golden Arrows vs SuperSport United @Princess Magogo Stadium 15:30