Ingqondo kaTemba Bavuma ikwitumene yehlabathi

UTemba Bavuma nguKapteni weProteas. Umfanekiso: Deryck Foster/BackpagePix

Ukapteni weqela lesizwe leqakamba, uTemba Bavuma, uthi into ebalulekileyo ngoku kuye kukuqinisekisa ukuba iProteas iqhuba kakuhle kwimidlalo yeT20 International Series. UMzantsi Afrika udlale umdlalo wokuqala ne-India izolo eThiruvanthpuram. Oku kwenzeka uBavuma engonwabanga konke konke ngenxa yokungathengwa kwakhe ngamaqela eza kuthatha inxaxheba kwiT20 League ekhokelwa nguGraeme Smith. Amaqela ebethenga abadlali kwiveki ephelile elungiselela isiqalo semidlalo eza kudlalwa ekuqaleni konyaka ozayo. Kothusile ukungathengwa kweKapteni yonke yeqela lesizwe – kodwa uBavuma uthi into ibalulekileyo kuye ngoku yimidlalo yovavanyo iqela elijongene nayo kule veki phambi kokuya kwitumente yehlabathi.

“Ingqondo yam ndiyibeke kwizinto zeqela lesizwe ngoku,” utshilo uBavuma phambi komdlalo wokuqala kwilizwe lamaNdiya ekuqaleni kweveki. “Ndisenendima ekufanele ndiyenze kwiqela lesizwe. Kufuneka ndikhokele ndincede iqela lesizwe. Ingqondo yam ikwindebe yehlabathi ngokuu. Okubalulekileyo ngoku kuthi kukuba kungabikho nto eza kusiphazamisa njengokuba sisiya kwiT20 World Cup. Andizimiselanga ukuzihoya ezinye izinto,” utshilo uBavuma ethetha nonoondaba kule veki.

“Ndifuna ukuqinisekisa ukuba abadlali baya kwitumente yehlabathi kungekho zinto ezibaphazamisayo. Okwenzekileyo ndiza kubona ngelinye ixesha. Le midlalo yovavanyo yeyokugqibela phambi kwetumente enkulu. Ngoku sifuna ukuzama ukulungisa zonke izinto ezisilelayo emdlalweni wethu,” utshilo uBavuma. Ukuba uqhube kakuhle kwiqela lesizwe, ingayindlela yokuvuselela isazela kumaqela angamthenganga kwiveki ephelileyo. Uza kuhamba nzima uMzantsi Afrika ngoba amaNdiya abethe amaNgesi kutshanje. “Silindele umdlalo onzima xa sidibene ne-India ngoba inabadlali abazithembileyo kakhulu,” ulebele ngaloo mazwi uBavuma.