Ingqonyela yeChippa United ibhengeze ukuhamba kwayo kuTwitter!

Baroka CEO Morgan Mammila during the National First Division 2016/17 match between Black Leopards and Baroka FC at the Thohoyandou Stadium, Limpopo South Africa on 17 June 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

UMorgan
Mammila ulahlile njengengqonyela yeChippa United namhlanje ekuseni. OkaMammila
wagaleleka kwiChippa United ekuqaleni konyaka esuka kwiBaroka FC – apho wabeka
phantsi kuyo engabhungisanga emva kokuba yaphumelela iTelkom Knockout
ekupheleni kuka-2018. Namhlanje uMammila ubhengeze ukuhamba kwakhe kwikhasi
lonxibelelwano, uTwitter. Esona sizathu sokuhamba kwakhe asikacaci kakuhle
kwaye neChippa United isathe cwaka. “Ndibeke phantsi njengengqonyela yeChippa
United ngoko nangoko. Ndiyalibulela ithuba nenkxaso endiyinikwe nguMnu.
Mpengesi, abaphathi, abaqeqeshi, abadlali nabalandeli,” utshilo uMammila
kuTwitter.

Kwiveki
ephelileyo, iChippa United ibethwe yiKaizer Chiefs ngo’4-2 emdlalweni weNedbank
Cup obumhle eNelson Mandela Bay Stadium. Nangona uMammila engekazichazi izizathu
zokuhamba kwakhe kuTwitter – kodwa kokrokrelwa ukungaboni ngasonye phakathi
kwakhe nomqeqeshi, uClinton Larsen. Namhlanje ngentsimbi yesithathu, iChippa
United iza kudlala neMamelodi Sundowns emdlalweni we-Absa Premier Soccer League
ozakube useLucas Moripe Stadium. Ukuba ingafumana amanqaku emdlalweni wanamhlanje,
iChippa ingathi ngciphu kwindawo embi ekuyo ekugqibeleni kwiPSL.