Ingqonyela yeCricket South Africa igxothiwe

Haroon Lorgat, CEO Cricket South Africa during the 2017 Africa T20 Launch at the The Gallery Wanderers Stadium, South Africa on 11 April 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Namhlanje iCricket South Africa yothuse umzi ngethuba ibhengeza ukohlukana kwayo nengqonyela [yayo] umnumzana uHaroon Lorgat. La maqela omabini kuthiwa avumelene ngokuba awaqhawule amatyathanga entsebenziswano ngesihle. Umongameli weCSA, uChris Nenzani, ungqinile ngokwenene okokuba ingqonyela yalo mbutho ulawula iqakamba eMzantsi Afrika ikhululwe ngesihle.

“Sizamile amatyeli ambalwa ukusombulula ukungaboni ngasonye obekukho phakathi kwesigqeba esilawula iqakamba kunye noMnumzana uLorgat – kodwa akwalunga nto. Amalungu esigqeba atsho ngazwinye okokuba makakhululwe umn. Lorgat ngesihle. Ibiyinto enzima kakhulu ukuyenza ngoba siyamazi umnu. Lorgat ukuba unegalelo elikhulu alenzileyo kwiqakamba yeli lizwe. Yena nesigqeba esilawulayo basebenze kakuhle kakhulu ekubuyiseleni uzinzo kwiCSA ebisezingxakini emva kweminyaka emihlanu ebinzima kakhulu,” utshilo uNenzani.

“Sonke siphoxekile yindlela izinto ezenzeke ngayo – kodwa ke sijonge phambili kumsebenzi weCSA ohliywe nguLorgat. Egameni lombuthu olawula iqakamba ndifuna ukuthi siyambulela uHaroon nomsebenzi wakhe omhle awenzileyo, ndiphinde ndimnqwenelele okuhle kodwa ebomini bakhe,” utshilo uNenzani.

“Ndifuna ukuthatha eli thuba ndibulele isigqeba elilawulayo ngokundixhasa kule minyaka ndiyihleli kwiCSA. Liwonga kum ukukhokela iqumrhu elinje ngeli kwaye ndiyazingca ngomsebenzi esiwenzileyo kule minyaka imbalwa edlulileyo. Kulilishwa ukwahlukana phantsi kweemeko ezinje. Ndifuna ukubulela abasebenzi, abadlali, abaxhasi bethu, abantu namajelo endaba ngokusixhasa ngethuba ndisebenzela iCSA,” utshilo uLorgat.

Usekela-mongameli weCSA, uThabang Moroe, uzakuthatha iintambo ngoko nangoko emva kokuchonga sisigqeba njengengqonyela ebambeleyo logama kusakhangelwa ingqonyela entsha.