Owayefudula eqeqesha iBafana Bafana, uShakes Masha neSafa, bade bayisombulula intsumantsumane/ingxaki ebiphakathi kwabo namhlanje. UMashaba wanikwa uphum’aphele yiSafa phambi kweKrismesi yonyaka ophelileyo emva kokufunyaniswa enetyala lokugibisela amazwi arhabaxa kwizikhulu zalo mbutho olawula ibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika.
Emva kongenelelo lweCCMA kulo mba, la maqela mabini athathe isigqibo sokubamba intlanganiso athe avumelana kuyo ngemali engachazwanga azakuyifumana uShakes Mashaba – kodwa eqikelelwa phaya kwizigidi ezibini zerandi (R2-million).
Eli lityeli lesibini uMashaba egxothwa ngendlela engacacanga yiSafa. Endaweni yakhe sekuqeshwe uStuart Baxter – ekulindeleke axhuzule imikhala xa iBafana Bafana idibana neNigeria kumdlalo ozakube use-Uyo kwiveki ezayo.
Kuvulwe isikolo esixabisa iR106-million KwaMaxhama