UMthatha kulindeleke ukuba ume ngxi kule mpelaveki. NgoLwesihlanu iholo lase-O.R.Tambo lizakube lisingethe itumente yamanqindi eququzelelwa yiZulu Sports Promotions. Owona mlo ujongwe ngamehlo abomvu ngumlo ophakathi kukaPatrick Malinga noViwe Mdletyeni kwaye unemijikelo elishumi elinesibini.
Umququzeleli wale tumente, uBongani Zulu, uthi le tumente sisiqalo sengxikela yeetumente zamanqindi e-O.R.Tambo.
“Abantu mabazobukela itumente ekumgangatho ophezulu, amalungiselelo ahamba kakuhle. Emva kokufumana inyhweba yokuququzelela le mdlalo, ndithe mandize apha eMthatha ngenjongo zokukhululisa umgangatho wamanqindi,” utshilo uZulu.
UZulu uxelele iintatheli ukuba uzakuphisa ngeempahla zokudlala amanqindi kumaqela amantombazana adlala amanqindi. USiyanda Silinga, ibambela kwisebe leZemidlalo Nobugcisa e-O.R.Tambo uthe bangene kwintsebenziswano nale nkampani [Zulu Sports Promotions] ngelikhuthaza ukuxhaswa kwamanqindi kulo mmandla. Le ndedeba ivumile ukuba usemkhulu umsebenzi kwicala lophuhliso.
Imbethi-manqindi uViwe Mdletyeni uthi amalungiselelo ahamba kakuhle. “Andisakwazi kulinda lo mhla, uPatrick Malinga, ndiyamazi unamava kodwa lo nto ndizakuyibeka ecaleni xa ndimbethile.” Iimbethi-manqindi eziquka Macbuth Sonyabi, Zolani Tete nezinye zizakuthi zizimase le tumente. Amatikiti azakuthengiswa emnyango eholweni.
Ukuwa kwaMapolisa, kuvula indlela yeWSU All Blacks!