Usihlalo wePremier Soccer League, uGqirha Irvin Khoza, uthi abakafumani zimpepha ngokutshintshwa kweFree State Stars.
UKhoza ubize inkomfa yonoondaba ekhawulezileyo eParkatown izolo – apho acacise ngokuthengwa kweStars. IMoroka Swallows izama ukuthenga iFree State Stars ukuze ibuyele kwiPSL, kodwa uKhoza uthi ukuzothi ga ngoku – ayikho into ebambekayo egunyaziswe yiPSL.
Ngoku iPSL inike la maqela mabini le veki ukuze aqoshelise zonke izinto, kungenjalo, ayizukwazi ukugunyazisa ukuthengwa kweFree State. “Ukuba kuphele iveki ingekathengwa iFree State Stars, asoze sigunyazise ukuthengwa kwayo. Okwangoku ayikho imbalelwano eze kwiPSL,” utshilo uKhoza koonondaba. Lo kaKhoza uqhubeke wathi ukuba la maqela mabini abandakanyekayo akakwazanga ukuwusonga lo mcimbi, iPSL, ngeke ikwazi ukuwanceda.
Kodwa uyivezile eyokuba ukuthengwa kwe-Ea Lla Koto kungagunyaziswa. Usihlalo ukwathe ucela uMphathiswa uLesufi kunye nabo asebenzisana nabo ukuba bawuqukumbele lo mba ngokukhawuleza.
Ukwathe akayithandanga le yokuba ukuthengwa kuthengiswe eli qela kwenziwe esidlangalaleni. IStars ayiqali kuthengisa iqela layo kwiPSL kwaye liqela lesibini lithengiswa kungekaqali isizini kwaye ingxelo zithi kwabona bagxeleshe ukuthenga iMtata Bush Bucks edlala kwiNational First Division.
Kwindibano yala maqela mabini angentla, kwavunyelwana ukuba asoze lo mba uvezwe konoondaba kude kube yonke into igqityiwe, ukwenza oko kuzabeka ukuthengiswa nokuthengwa kweStars.
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa