Ingxubakaxaka ngo-AB de Villiers

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika kwiqakamba libuye lintywizisa emva kokubethwa yiNgilane kwimidlalo yovavanyo ngo’3-1.

Ukungakwazi ukuqhokra ibhola yeyona nto ethe yaqaqamba kwaye ngoku kukrokreleka ngathi indoda eyaziwa ngokubetha ibhola * -AB de Villiers, ebingekho kule midlalo, ingangaphindi idlale kwimidlalo yovavanto yeProteas.

Oku kuthethwe nguFaf du Plessis emva kokunkulwa koMzantsi Afrika.

“Ndingavuya ukuba uDe Villiers angabuya. Sonke siyamazi indlela adlala ngayo kwaye kuvakele ukungabikho kwakhe. Ndiyathemba uzakubuya, lo nto ingasinceda. Sidinga umntu onodlala kula ndawo yakhe – kodwa ukuba uyebuya kungakuhle,” utshilo uDu Plessis.

UMzantsi Afrika usebenzise abadlali abaqhokrayo abathathu ngethuba udlala neNgilane.

Kwaqala uJP Duminy kumdlalo owawuseLord, kwalandela uQuinton de kock noTemba Bavuma ongoyena mdlali oqhokre ngcono nangona engakwazanga ukuba nolwamvila.

pedro.mapelo@inl.co.za