Inika ithemba impumelelo yeBloemfontein Cetilc

Ekugqibeleni ide yana intlango. Iqela lephondo laseFree State, iBloemfontein Celtic, lithobe izibilini zabalandeli ngempela veki ngokuthi liphumelela okokuqala emva kwemidlalo esibhozo eliyidlalileyo.

ICeltic izibethele iBidvest Wits ngo’2-1 kumdlalo obubanjelwe eFree State Stadium ngempela veki. Ziziphumo ezo ekudala ezifuna okanye ezilindele uSerame Letsoaka ovuyele impumelelo yeli qela emva kokuvungama kwabalandeli yindlela izinto ebezihamba ngayo kweli qela.

Ukubethwa kweWits kulo mdlalo kuyichane kabuhlungu kakhulu ngoba ngoku kukho umsantsa phakathi kwayo neMamelodi Sundowns ebethwa ngumoya phezulu kwi-Absa Premier Soccer League.

Iqela likaGavin Hunt lilo elifumene igowuli kuqala ngebhola efakwe ngu-Elis pelembe kwisiqingatha sokuqala somdlalo. Kwisigaba sesibini eBloem Celtic ibuye ngamandla ikhatshwa yinkuthazo ngabalandeli bayo ebebezalise ibala.

Ibhola entle ifakwe nguThapelo Morena, lelo gowuli elinike iqela likaLetsoaka amandla okuxhathisa kulo mdlalo obudlalwa kwingqatsini yelanga. Ibhola yesibini yeCelitc ifakwe kwixesha elongezelelweyo nguMusa Nyatama eyisusa echaphazeni emva kokuwiswa kukaLamola ngunozinti weWits, uMoeneeb Josephs. Ngoku iPhunya Selesele ikwindawo yethoba kuluhlu lwamaqela ePSL emva kwale mpumelelo.

Yona iWits kufuneka isebenze nzima ngoba yiBlack Aces engene kwindawo yesibini emva kokubetha kwayo iChippa United ngempela veki. IPlatinum Stars izibethe i-University of Pretoria ngo’2-0.

Le mpumelelo yesibini emva kokubetha iKaizer Chiefs kwiveki ephelileyo ithathe iDikwena yayibeka kwindawo yesihlanu.

pedro.mapelo@inl.co.za