Inkokeli yeFIFA icela ukunqumama kwemfazwe eseYurophu!

UMongameli weFIFA, uMnu. Gianni Infantino ethetha kwindibano yeG20 ebibanjelwe e-Indonesia kule veki. Umfanekiso: EPA/NOUSHAD THEKKAYIL

UMongameli wombutho olawula ibhola ekhatywayo kwihlabathi (iFIFA), uMnu. Gianni Infantino, ucele iinkokeli zamazwe ngamazwe ukuba zenze unakonako ukuze kunqunyanyiswe imfazwe eqhubekayo kwilizwe lase-Ukraine. Oku kuthethwe nguMnu. Infantino kwindibano yeenkokeli zamazwe aphala phambili kwezoqoqosho lwehlabathi ebanjelwe e-Indonesia. “Isicelo sam kuni, khanicinge ngokunqumamisa imfazwe ngeli thuba letumente yehlabathi okanye nizame indlela yokufumana uxolo. Niziinkokeli zezizwe zehlabathi. Amandla okuguqula izinto ezenzekayo ninawo,” itshilo inkokeli yeFIFA. Imfazwe, eyaqalwa yiRussia eyahlasela iUkraine, ileqa unyaka ngoku iqhubeka ngaphandle kwesisombululo.

UMongameli weFIFA ucela ungenelelo lweenkokeli zamazwe ehlabathi phambi kokuqala kwetumente yalo nyaka eQatar ngomhla wamashumi amabini kule nyanga kuba enoloyiko lokuba ingakhona into enokuphazamisa abantu bangakwazi ukubukela imidlalo. Kulo unyaka, iRussia iye yasikwa yiFIFA ngenxa yokuhlasela iUkraine engakwazanga ukuzibekela indawo yayo kwitumente yehlabathi. Abantu ekulindeleke babukele imidlalo yetumente yehlabathi bangaphaya kwesihlanu seebhiliyoni. “Mhlawumbi, indebe yehlabathi eza kuqala kwiintsuku ezintlanu ezizayo ingasisiqalo sezinto ezintle,” utshilo uGianni.

Ngamashumi amathathu anesibini amaqela aza kuthatha inxaxheba kwitumente eza kube isengethwe yiQatar elilizwe elifumileyo kwezoqoqosho ngenxa yezimbiwa ezifana ne-oyile. Ngeliswa abantu baseMzantsi Afrika baza kubukela nje imidlalo ngaphandle kwaBafana Bafana abagqibela ukudlala kwitumente yehlabathi ngonyaka ka-2010. Amazwe aamakhulu ebholeni ekhatywayo afana neBrazil, iGermany, Argentina, iNgilane, iFrance, iSpain, iCroatia, iMexico namanye – kulindeleke alwe ngesicoco ebesithathwe yiFrance kwitumente ebiseRussia ngo-2018. Izwekazi le-Afrika liza kumelwa ngamazwe aquka iSenegal, iTunisia, iCameroon neGhana.