Inkokheli yeNetball SA ivingcelwe yikorona endlini

Othi ikhorona yeyabantu bebala elithile uyazikhohlisa. Ihlasela abancinane nabadala futhi akukhathaliseki nokuba ulihlwempu okanye isityebi.

UMongameli weNetball SA, uCecilia Molokwane, uye wanyanzeleka azitshixele endlini yakhe emva kokuhlaselwa yikorona (COVID-19).

Isibhengezo ngokosulelwa kwenkokeli yombutho womnyazi silandela esikaCameron van der Burg, indadi eyabuya nembasa kwiOlimpiki, efunyenwe inechaphaza lekhorona.

UMolokwane udyobheke kwelamaNgesi – apho bekukho intlanganiso ebeye kuyo njengelungu lombutho ekuthiwa yi-International Netball Federation (INF) olungiselela indebe yomnyazi eza kubanjelwa eKapa, eMzantsi Afrika, ngonyaka ka2023.

Le nkokeli yeNetball SA iphakathi kwabantu abangaphaya kwamakhulu amahlanu abosulelwe yikorona eMzantsi.

Ekuqaleni kwale veki, abantu abadyobhekileyo ehlabathini lonke bebengaphaya kwamakhulu amahlanu amawaka, kwelo nani kukho neshumi elinesibhozo lamawaka elibhubhileyo.

“Ndifumanise ekuseni nam okokuba ndinekhorona emva kovavanyo endilenzileyo. Kuye kwanyanzeleka ndenze uvavanyo emva kokubuya kwam emaNgesini.

Ekugalelekeni kwethu kwisikhululo samazwe ngamazwe eKempton Park, saye senziwa uvavanyo,” utshilo uMolokwane emva kokufumana iziphumo zovavanyo ngoLwesibini wale veki.

Kuye kwanyanzeleka ukuba alandele imigqaliselo yezempilo ngokuthi azivalele endlini yakhe yedwa ade alulame.

“Ndifuna ukwazisa uluntu okokuba ndihleli endaweni ekhethekileyo ndodwa.

Ndiza kulandela yonke imiyalelo yezempilo ndide ndiphuncuke kwikorona. Akukho zimpawu zayo ezibonakalayo apha kum.

Nangona kunjalo; kunyanzelekile ndihloniphe umthetho ukuze ndisindise abanye abantu endihlala nabo,” utshilo uMolokwane.

UMolokwane ulandele ekhondweni labasemagunyeni kwezempilo ngokukhuthaza abantu ngelithi mabagcine imithetho yokuziphatha ukuze kunqandeke ukunaba kwekorona enganyangekiyo okwangoku. “Ncedani bantu nihloniphe imiyalelo.

Hlambani izandla ngamanzi anesephu imizuzwana engamashumi amabini okanye nisebenzise isibulalintsholongwane. Makubekho umsantsa weemitha ezimbini phakathi kwakho nomnye umntu.

Xa unechaphaza layo, kufuneka uhlale endaweni ekhethekileyo iintsuku ezilishumi elinesine,” uvale ngaloo mazwi uMolokwane weNetball SA.