Inkxaso karhulumente yeyona enokuqinisa iChippa United

IMpuma Koloni iphantse yalahlekelwa yiChippa United ekuphela kwayo kweli phondo edlala kwinqanaba eliphezulu lebhola ekhatywayo. Lo nto yenziwe yindlela engancumisiyo eqhube ngayo kwimidlalo ye-Absa Premier Soccer League nakubeni yenze kakuhle kwiMTN 8 nakwiNedbank Cup kwisizini edlulileyo.

Ukuqhuba kakuhle kwayo kwisizini ka’2015/16 kwazisa ithemba lokubuya kwebhola eMpuma Koloni – kodwa kuthe xa kubonakala ukuba izinto azihambi kakuhle kwephelileyo isizini – kwaqala kwakho unxunguphalo ebantwini.

Ukungaqhubi kakuhle kwayo iChippa, kukhokelele ekunqunyanyisweni kukaDan Malesela kushiyeke imidlalo emihlanu. Yinto leyo eyenze izinto zambi ngakumbi – kodwa kube lithamsanqa ukubuya kukaMalesela ngoba ukwazile ukuyihlangula.

Ngaphandle kweempazamo ezenziwa nguChippa Mpengesi, eyona nto iyingxaki kweli qela lakhe kukuthathwa kwabadlali ngamaqela amakhulu. Ukuhamba kooXola Mlambo, uNkosinathi Mthiyane, * -Erick Chipeta, Joseph Molangoane noMarc van Heereden kwayishiya iqhwalela ngakumbi. Zonke ezo zinto zenziwa kungathengwa badlali kuba uDan Malesela engumqeqeshi okwaziyo ukuvelisa abadlali. Awuthengisi abadlali xa ufuna ukuhlala nokuphumelela iindebe kwiPSL – lo nto iyaziwa ngabantu abalandela ibhola eMzantsi Afrika.

Ukuthengiswa kwabadlali kwenziwa kukungabikho kwenkxaso-mali engenayo kwiChippa. Iindleko zokuqhuba ushishino lwebhola luzindleko kwaye ngaphandle kwenkxaso yamaqumrhu kubanzima kakhulu. Yiyo lo nto kufuneka kubekho inkxaso-mali esuka kuRhulumente wephondo ukuze iqine iChippa United. IKwaZulu Natal ivuna iziqhamo zokutyala imali emidlalweni eyayibona kwibhola njengesixhobo sokulobela abantu kwiindawo zayo zolonwabo. Ukudlalela kweChippa imidlalo ethile eMonti kuwenzile umahluko kwicala lokhenketho. Inkxaso efunyenwe nguJohn Comitis kurhulumente naseKapa kwenze izinto zakhe zakhaphukhaphu, noMpengesi angayifumana impumelelo ukuba anganikwa inkxaso ethe chatha kwisizini ezayo.