Inqwaba yabadlali abahambayo emva kweSuper Rugby

Umbutho olawula umbhoxo kweli loMzantsi Afrika, iSARU, uzamile ukugcina abadlali abaninzi abakwinqanaba eliphezulu kweli loMzantsi Afrika, ngenxa yendlela ezenziwa ngayo izivumelwano zokusebenza.

Ingxaki ikhona nangona kunjalo, kuba yinqwaba yabadlali ekulindeleke ukuba iwunikele umva uMzantsi Afrika ekupheleni kwale sizini yeVodacom Super Rugby. Aba badlali bazakuya kufuna amadlelo aluhlaza kwamanye amazwe.

Ngokwengxelo evakalayo, ngamakhasi eendaba, bangamashumi amane anesihlanu abadlali abazakuhamba baye phesheya kwisizini ezayo ngenxa yokunqaba kwethuba lokudlala. Enye into exhalabisayo kukuba baninzi abaqeqeshi balapha abajongwe ngamaqela aphesheya.

Njengokuba abanye abadlali beneenjongo zokukhenketha qha, abanye bafuna ukuqhubekeka nekamva labo lombhoxo phesheya kwaye baqokeke imali. Zimbini izinto ezifuna ukuqwalaselwa ngokuhamba kwabadlali, eyona ingunobangela kakhulu kukungabi namandla kwerandi. Abadlali abaninzi abacingi kabini xa bebizwa phesheya.

Okwesibini omnye unobangela kukuba amaqela aseJapan atshintshe imithetho, afaka umthetho othi umdlali osuka kwelinye ilizwe angadlala kwiqela lesizwe lombhoxo laseJapan, ukuba zange adlalele ilizwe lakhe ngaphambili. Le nto sele ibangele abadlali abaninzi beli loMzantsi Afrika abaquka uGrant Hattingh noLappies Lubuschagne abebedlala kwiiBulls ukuba bayishiye iSuper Rugby.

Ngoku bazakudlala eJapan kuphela abazokubuyela eMzantsi Afrika, le nto sele yehlele abadlali abaninzi kwixesha elidlulileyo.

Sele bebaninzi nabanye abadlali abazakuhamba eMzantsi Afrika kwisizini yeCurrie Cup, abafana noElton Jantjies, Warren Whiteley noJaco Kriel. Bazakubuya xa kuphinda kuqala isizini yeSuper Rugby kunyaka ozayo.