Intliziyo kaDolly iziingceba ngenxa yobufede beKaizer Chiefs

UKeagan Dolly weKaizer Chiefs ushiyeke ephoxekile emva kokukhutshwa kwayo kwiNedbank Cup. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Umdlali weKaizer Chiefs ophambili, uKeagan Dolly, uvumile ukuba intliziyo yakhe itymkile emva kokuba iqela lakhe likhutshwe kwangoko kwiNedbank Cup. IChiefs ibe ngundabamlonyeni kwakhona emva kokubethwa yiTS Galaxy etsala nzima ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni obuseFNB Stadium kutshanje. Ibikokwesibini iTS Galaxy ibavisa ubuhlungu abalandeli beChiefs emva kokuyibetha ngegowuli likaZakhele Lepasa emdlalweni weNedbank Cup wokugqibela eThekwini eminyakeni egqithileyo. UDolly ufike kwiChiefs phambi kokuqala kwesizini eqhubekayo enethemba lokuba iza kubuyisa isidima sayo ngokuphumelela indebe eyayigqibela eminyakeni esixhenxe eyadlulayo.

Uphoxekile kukuphanza kwezo nzame zeqela lakhe elishiyeke nethemba lokufumana iMamelodi Sundowns esecicini lokukhusela indebe yeDStv Premiership kwakhona ukuba ayibethwa emidlalweni yayo. “Ndiphoxeke gqithi, hayi kuba sibethiwe emdlalweni,” utshilo uDolly. “Asidlalanga ngendlela eyiyo tu. Indlela ebesinikelana ngayo ibhola ibingeyiyo indlela esidlala ngayo. Ibingeyiyo iChiefs. Ngoku kufanele sizame ukufumana indawo ehloniphekileyo xa kuvalwa isizini yeDStv Premiership. Kubalulekile ukuba sidlalele ukufumana iziphumo ezihle ngamaxesha onke.

“Ndeza kwiChiefs ngoba ndandifuna ukuphumelela iindebe. Sinabo abadlali abanokuyenza lo nto. Yiyo lo nto kundikhathaza ukuphuma kwangoko kwiNedbank Cup. Ngoku kufuneka silungise indlela esidlala ngayo ukuze sikwazi ukwenza umsebenzi ongcono,” utshilo uDolly ekuqaleni kwale veki koonondaba. Amakhosi akakwazanga ukufumana amanqaku amathathu emdlalweni weDStv Premiership abambene kuwo ngeqanda neCape Town City ngoLwesibini wale veki. Ukungaphumeleli kwayo iChiefs kwenza umsebenzi wayo wokufumana iSundowns ube nzima kakhulu.