Intliziyo kaMcCarthy idada emafutheni emva kokubetha iPirates

ULakay uswantsulisene noJele kwanzima kumdlalo weNedbank Cup obubanjelwe eCape Town Stadium namhlanje. Umfanekiso: Phando Jikelo/ANA

Iqela lebhola
ekhatywayo lephondo leNtshona Koloni, iCape Town City, ligqithele kumjikelo
olandelayo weNedbank Cup emva kokuba libethe i-Orlando Pirates ngegowuli elinye
(1-0) kumdlalo obunzima eCape Town Stadium kobu busuku. Amawakawaka abalandeli
bebhola ekhatywayo bagoduke bexolile ezintliziyweni zabo emva kokuphakelwa
umdlalo omhle futhi okwizinga eliphezulu ngamaqela omabini nakubeni igowuli
libe linye jwi emdlalweni. Igowuli le mpumelelo lifakwe ngumdlali odlala
esiswini, u-Ayanda Patosi, kwisigaba sesibini somdlalo. Intliziyo yomqeqeshi weCape Town
City
, uBenni McCarthy,
idada emafutheni namhlanje – hayi kuba iqela lakhe liphumelele umdlalo, kodwa
nangenxa yokubetha iqela elikhulu ewayelidlalela ngaphambili esadlala ibhola.

UMcCarthy
uzamkele iziphumo ezifunyenwe liqela lakhe nangona evumile ukuba iqela lakhe
libe nethamsanqa lokuwuphumelela umdlalo. Lo mazwi uwathethe kuba ngokwenene
amaqela ebenawo amathuba okuphumelela umdlalo – kodwa ngelishwa akakwazanga
ukuwasebenzisa. UJustin Shonga ngoyena mdlali obeyingxaki kwiCity kulo mdlali,
kuthe kwakungena noBernard Morrison kwakhula uxinizelelo. Ayibethwanga
ingazamanga iPirates kulo mdlalo, akukho nzame ingazenzanga phambili – kodwa abadlali
basemva kwiCity benze umsebenzi omhle kakhulu.

Amava
wabadlali abanamava, uTeko Modise, ube lulutho kakhulu kwiCity kulo mdlalo. Uye
wanalo igalelo kwigowuli elifakwe nguPatosi, kanti nasemdlalweni udlale kakuhle
kakhulu. Ekupheleni komdlalo uModise uye wachongwa njengoyena mdlali othe
wabalasela. Ukuphuma kwePirates kwiNedbank Cup kuyinika ithuba lokujongana
nemidlalo yePSL ehleli kwindawo yesibini kuyo. Impumelelo yeqela likaBenni iza
kwenza umahluko omkhulu kwicala lokufunqula ukuzithemba kwabadlali.

Cape Town CityStephens,
Mkhize, Fielies, Johannes, Dove, Lakay, Putsche, Modise, Ralani ( Choka 80’), Patosi
(Nodada 71’), Moseamedi (Mngonyama 88’).

Amalalela: Walters, Mngonyama, Gumede, Nodada, Masina, Choka, Nana.

Orlando Pirates: Mpontshane,
Dube, Munetsi, Jele, Maela, Lorch (Foster 81’), Nyatama, Mlambo, Qalinge,
(Matlaba 59’), Shonga, Mulenga (Morrison 59’).

Amalalela: Mabokgwane, Shitolo, Sarr, Matlaba, Makola, Morrison, Foster.