Intokazi yaseNgcobo ifuna indawo kwiBanyana

UKholosa Biyana (ekunxele) waseNgcobo unomnqweno wokudlalela iBanyana Banyana

Ukuba iphupha lakhe liyafezekiswa nguMdali, ngokuqinisekileyo intokazi yaseNgcobo izakuba yeyokuqala ethe yafumana ithamsanqa lokudlala kwinqanaba eliphezulu.

UKholosa Biyana, ubila esoma enkampini eququzelelwe yiSouth African Football Association ngenjongo yokuqinisa izakhono zabadlali abanekamva elithembisayo.

Le ntokazi yelali yaseKlakbury edlala ibhola ekhatywayo, iphakathi kwamantombazana angaphaya kwamashumi amabini achongwe ngabacholacholi betalente ukuze aqeqeshwe ngoorhasatsha babaqeqeshi kwibhola ekhatywayo.

UBiyana waqala ukudlala ibhola eNgcobo ngo’2009 – unyaka aqale ngawo ukudlala into ecacileyo. Ngenxa yokunxanelwa impumelelo kwibhola ekhatywayo, uBiyana uye wadlalela iThunder Bird FC yaseGcuwa ngonyaka ka’2014.

Injongo yakhe yayikukukhulisa isakhono sakhe sokudlala ibhola ekhatywayo nokufumana indawo yokudlalela engcono. Wadlala apho – kodwa ngenxa yezifundo kuye kwanyanzeleka afudekele kwiziko lemfundo ephakamileyo i-University of KwaZulu Natal.

Ngoba ibhola ekhatywayo yeyona nto ayithandayo, futhi azimisele ukuya emajukujukwini ngayo. UBiyana uxelele eli phephandaba (I’solezwe lesiXhosa) ukuba ukudlalela iqela lesizwe lamantombazana adlala ibhola ekhatywayo, iBanyana Banyana, ngumnqweno awabanawo esemncinci. Ukubizelwa enkampini yeqela lesizwe uyibona njengenyathelo elimsondeza kanye kula ndawo ayifunayo.

“Ndiyakuvuyela kakhulu ukukhwetyelwa kule nkampu. Lo nto idiza ukukhula kwebhola lam. Eli lixesha lokuba ndikhanye kwikhono lam lokudlala ibhola. Sonwabile apha enkampini kwaye ukudlalela iBanyana Banyana yinto endandiyinqwenela kwakudala,” utshilo uBiyana.

Umbutho olawula ibhola ekhatywayo, iSafa, uhamba lonke eli lizwe, injongo ikukukhangela abadlali abanokuthi badlalele iqela lesizwe. Bathathu abadlali abaphuma eMpuma Koloni abayinxalenye yale nkampu.