Intshatsheli yendolotyi ilinde uzuko lwayo nayo

ULubabalo Kondlo oyintshasheli kumdlalo wendolotyi. Umfanekiso Uthunyelwe

Umdlali wendolotyi oyintshatsheli waziwa ehlabathini jikelele kodwa kowabo eMzantsi Afrika akathathelwa ntweni.

Ngowe 2007 uLubabalo Kondlo wakhwankqisa umzi waseMelika xa wagaleleka apho wavingcela intshatsheli yendolotyi yalapho ekoneni kumagqibela kankqoyi ayebanjelwe eLas Vegas.

Kumfanekiso bhanya-bhanya obizwa, King Me, olawulwa ngu Geoff Yaw ebonisa indlela impumelelo kaKondlo eyawothusa ngayo Amamerikana- omnye wabadlali bendolotyi uvakala esithi, ngokubhekisele kuKondlo- “andiyikholelwa le. Kona kona andiqondi ukuba kukho ongaziwayo ongafika aphumelele ngendlela uKondlo enze ngayo”.

Into Amamerikana ayengayazi yeyokuba uKondlo lo efika apho nje wayesele eneminyaka eliqela ekhonya njengentshatsheli yendolotyi yoMzantsi Afrika.

Engena msebenzi usisigxina , abaxhasi okanye umbutho wendolotyi owathi wamxhasa, uKondlo wazibonakalisa kwinginginya yabalandeli bendolotyi ngalompumelelo yase Las Vegas.

“Umntu owandifundisa iindolotyi ndineminyaka esixhenxe nguLulama Gwashu, sele waseleka ngoku,” utsho uKondlo xa eqala elakhe ibali.

“Ndiye ndangena phantsi koqeqeshe luka Zoli Ngwenya phambi kokuba ndibe lilungu le Vulindlela Draught Club endisekuyo nangoku. IVulindlela yavulwa kwiminyaka yee 1970s kwaye isamile nangoku.

Ndandidlala noo Jimboy Mqotsi nabanye,” uhambis atsho. “Emva kokuphumelela ibanga leshumi eCowan High School ndaya eRhawutini nalapho ndabona ukuba lomdlalo uthandwa kakhulu nomdla wam wanda khona.

Ndidlalile apho ndaza ndaphumelela indebe yobuntshatsheli boMzantsi Afrika ngo 199,” utshilo. “Iinkcukacha zetumente yase Las Vegas ndaziva komnye umfo endandidlala naye.Wandinika needilesi zomongameli we American Checker Federation uAlan Millhouse endathi ndambhalela kwabe kanti luqala apho uhambo lwam,” utsho.

Lomboniso bhanyabhanya utsala imbali ka Kondlo nendlela awaya kuthi ngcu ngayo enkconkcoyini yomdlalo wendolotyi ngokuthi awise intshatsheli uRon “Suki” King olawule lomdlalo ngegqudu iminyaka engamashumi amabini anesithathu.

Wafumana ithuba lokudlala no King emva kokuba waqala ngokuphumelela itumente eyayidlalwa kwalapho eVegas kwinyanga ezine ngaphambili.

UKing wayengabethwa tu kwindolotyi phambi koku kwaye wayegqalwa okwekumkani, enomlomo orhabaxa oshiya abanye abadlali benkwantya yidyudyu. Kokwabo kwelase Barbados,ubedume okogqitha abaphathiswa bakhona okanye engaphay kweqondo lomdlali weqakamba owayebalasele Garfield Sobers.

Wavotelewa njengomdlali wonyaka amatyeli amathathu, tyeli ngalinye wayesithiwa jize ngomgrugra wemoto, inkuntyula yemali nomhlaba ngurhulemente walapho.

Indoda agagene nayo ngu Kondlo okhulele kwindlu emagumbi mabini eNew Brighton izaliswe ngamalungu efemeli alishumi elinesithoba.

UKing ubesaizwa ngokuba ungu “Muhammad Ali” wendolotyi. Amazwi ka King endelelo nobunganga uwava kakuhle kulomboniso xa esithi: “ UThixo uMdali unguYise, mna ndingu Nyana wakhe. Ndiyi Kumkani.Ndiyalawula”.

Ukulawula kona wakwenza kulomdlalo wayejamelene no Kondlo.Yayingumdlalo osondeleneyo kakhulu, badlala imijikelo engamashumi amabini anesine kwiintsuku ezintandathu, babedlala zibene ngosuku.

Kwinkoliso yaza babesibantanganye. Imithetho yendolotyi ithi ukuze kuchongwe intshatshele entsha, umceli mngeni kumele awine ngokuphande ukanti ukuba nidlala ngokulingana intshatsheli igcina isitshaba sayo.

Kusenzeka konke oku oka Kondlo ufihle umsindo ngewoko woko lekepusi ubala indlela zokuwisa uKing omlomomkhulu.

Wathengisa ngethole kanti akalazanga elidlalayo uKing wanabisa amabala wawuphumelea lomdlalo. UKing wothulwa esihlalweni ngowe 2014 ngethuba etywatyuswha Sergio Scarpetta naye owathi wabhukuqwa nguMichele Borghetti.

UKondlo zange aphinde abenalo ithuba lokudlala no King kodwa ufumene ithuba lokuphumelela lentshinga ngowe 2018 xa equbisana no Borghetti kwidabi lase Mississippi awaliphumelela ngokuwina imijikelo emihlanu. “Iindolotyi zinzima kakhulu kune Chess.

Kwa iintshatsheli ze Chess ziyakuvuma oko. Iindolotyi zibheka phambili oko azifani ne Chess yona idlala amabala aliqela,” utsh uKondlo.

Ngethuba iBhasi eyayikhwelise Amabhokobhoko azintshatsheli zehlabathi embhoxweni isehla iFerguson Street ikhwele uSiya Kolisi ephakamise indebe yehlabathi, zithe chapha inyembazana ku Kondlo intshatsheli yendolotyi inomnqweno wokuba nayo ngenye imini iyakunikwa uzuko nodumo lwayo.

Ukhulele kude kufuphi kwikhaya lika Mzwandile Stick.- Elibali Belipapashwe yiNewframe