Intsumantsumane ephakathi kweChiefs nePSL isetafileni kaMnu. Zola Majavu

UMnu. Zola Majavu ngumtshutshisi wePSL. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Umtshutshisi wePremier Soccer League omtsha, uMnu. Zola Majavu, uqinisekisile ukuba umba weKaizer Chiefs uphakathi kwaleyo isetafileni yakhe kwaye ifumana ingqwalasela ephambili. Oku ukuthethe uMajavu kutshanje ngethuba ethetha namajelo eendaba emhlanganweni obuseGoli. Amakhosi acela iPSL ukuba ihlehlise imidlalo yawo kwinyanga yoMnga ngo-2021 ngenxa yabadlali abosulelwa yiKhorona ababeqabele kumashumi amathathu. Zange siphendulwe isicelo seChiefs engazange ikwazi ukudlala emidlalweni emibini. Ngoku iChiefs ijamelene nesohlwayo sokungayi kuloo midlalo mibini. Abaphathi beChiefs babetha ngenqindi phantsi ngelithi ngeke iqela labo lidlale linabadlali abaninzi abosulelwe yiKhorona.

Sekulithuba elide izikhulu zePSL ziwuxoxa umba weChiefs – kodwa akukabikho sigqibo. Usihlalo wePSL, uGqirha Irvin Khoza, uxelele iintatheli kwiveki ephelileyo okokuba umtshutshisi omtsha ngoyena oza kuthatha isigqibo – kodwa wayibethelela into ethi zonke izigqibo ziyakwazi ukuqwalaselwa ngokutsha xa kukho iimeko ezinyanzelayo. Nangona uMajavu evumile ukuba umba weChiefs usetafileni yakhe – kodwa akatshongo ukuba isigqibo uya kusibhengeza nini na. “Kukho iinkcukacha endisazilindileyo kulo mba weCheifs. Andazi ukuba ndiza kuwuphetha nini, andifuni ukuzibophelela kwinto yexesha. Isigqibo ndiza kusibhengeza xa sendigqibile ukuqwalasela yonke into,” utshilo uMajavu, ongene endaweni kaNande Becker obeke phantsi ekupheleni kuka-2021.

UBecker ushiye amatyala eyintaba edesikeni yakhe. Ngoku uMajavu kufuneka aqinisekise ukuba isizini ivalwa egqityiwe onke. “Mna noogxa bam siza kudibana ukuze siqwebe iqhinga lokujongana nomsebenzi ophambi kwethu. Mninzi umsebenzi esiwenzileyo kwinyanga ephelileyo (eyoMnga). Akukho ntlekele xa ndijongile – kodwa ndinethemba lokuba amaqela aza kusebenzisana nathi ukuze izinto zingatsali ixesha elide. Sakunika ingxelo ekupheleni kwenyanga ngomgama esiwuhambileyo,” utshilo uMajavu kwiveki ephelileyo. Amakhosi azimisele ukulwa ukuze angoxuthelwa amanqaku. Umanqanqa wegqwetha, uMnu. Norman Arendse, uza kumela iChiefs ukuba iPSL igqibe kwelokuba iyigwebe. IChiefs ibekwe ityala lokungayidlali imidlalo emibini. Ityala libekelwe umhla wamashumi amabini ananye kwiveki ezayo.