Intsumantsumane kaNdoro iphindela enkundleni

UAri Efstathiou, usihlalo weAjax Cape Town UMFANEKISO ©Chris Ricco/BackpagePix

Umba kaTendai Ndoro ophithizelisa iintloko zabantu uthathe olunye unyawo.

Ingqonyela yeAjax Cape Town, uAri Efstathiou, ixelele iintatheli ukuba ibuyela enkundleni kwakhona kweli ityeli efuna isithentelo somthetho esiza kunqanda ukuqala kwemidlalo yeAbsa Premier Soccer League kwiveki yokuqala kwinyanga ezayo.

Kwiveki ephelileyo, isigqeba esilawula iPSL sigqibe kwelokuba sisiphikise isigqibo senkundla esabuyisela iAjax kwiPSL, saphinda sathi yiFIFA emayixazulule umba kaNdoro ekwakhalazelwa ukudlaliswa kwakhe nakubeni umthetho ungamvumeli adlalele amaqela amathathu kwisizini enye.

Ingqonyela yeAjax ithi bagqibe kwelokuba baye enkundleni ngoba akude kufumaneke isisombululo futhi nabaphethe iPSL abazimiselanga ukuyiqwalasela ingxaki yeqela lakhe.

“Ndihleli kwiofisi yePSL iiyure ezimbini kungekho mntu ondihoyayo. Ndithethile nesigqeba esiphetheyo – kodwa akukabikho mntu ozimisele ukuhlalela lo mba. Siza kufaka isicelo esithintela ukuqala kwemidlalo yePSL. Isicelo sePSL esiphikisana nesigqibo senkundla esikhutshwe ngumgwebi uDenise Fisher nathi siza kusiphikisa. Ukuba isicelo sePSL siyaphumelela, nathi siza kusiphikisa ide isonjululwe le ngxaki,” utshilo uEfstathiou.

Isigqibo sikaFisher sirhoxise esikaWilliam Mokhari owayethe iAjax mayoxuthelwe amanqaku abangela ithotyiselwe.

“Siwulandele umthetho kwelethu icala. Isigqibo sikaFischer sibe ngecala lethu. Kudala sifuna usonjululwe lo mbuzo,” utshilo uEfstathiou.